Yiya kwinkcazelo

ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu

NgoMgqibelo, Aprili 12, 2025

Kanye ngonyaka, amaNgqina KaYehova akhumbula ukufa kukaYesu njengokuba wayalela ukuba senze njalo xa wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—Luka 22:19.

Siyakumema kule ntlanganiso.

Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza

Siza kuthatha ixesha elingakanani esi sikhumbuzo?

Siza kuthatha into epha kwiyure enye.

Siza kuba phi?

Buza kumaNgqina KaYehova ngendawo esiza kuba kuyo kufutshane nawe.

Kungenwa ngemali?

Hayi.

Iyaqokelelwa inkongozelo?

Hayi.

Kukho indlela ethile yokunxiba?

Nangona kungabekwanga ndlela yokunxiba, amaNgqina KaYehova azama ukuthobela icebiso leBhayibhile lokunxiba kakuhle nangendlela ehloniphekileyo. (1 Timoti 2:9) Akunyanzelekanga ukuba unxibe iimpahla eziduru.

Kuza kwenzeka ntoni kwesi Sikhumbuzo?

Esi sikhumbuzo siza kuvulwa size sivalwe ngengoma nomthandazo owenziwa ngumzalwana oliNgqina likaYehova. Eyona nto ibalulekileyo kwesi Sikhumbuzo yintshumayelo eza kube ithetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukufa kukaYesu nokuba isinceda njani into esayenzelwa nguThixo noKristu.

Ezinye iZikhumbuzo ziza kuba nini?

2025: NgoMgqibelo, Aprili 12

2026: NgoLwesine, Aprili 2