Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iindlela Zokufunda IBhayibhile

Iindlela Zokufunda IBhayibhile

IBhayibhile inobulumko obunokusinceda ebomini. Ukuba uyifunda qho, ucingisise ngayo uze uzenze izinto ozifundayo, “uza kuphumelela.” (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:1-3) Uza kutsho umazi uThixo noNyana wakhe uYesu, ibe olo lwazi luza kukunceda usinde.—Yohane 17:3.

Kufuneka uzilandelelanise njani iincwadi zeBhayibhile xa uzifunda? Ungazikhethela. Olu cwangciso lokufunda iBhayibhile lukunceda ukwazi ukufunda iincwadi zayo ngendlela ezilandelelana ngayo okanye ngokwemixholo. Ngokomzekelo, ungakhetha iindawo ezithile ukuze ufunde ngendlela uThixo awayewaphethe ngayo amaSirayeli akudala. Okanye ukhethe ukufunda iindawo ezibonisa indlela ibandla lamaKristu exesha labapostile elaqala nelakhula ngayo. Ukuba ufunda izahluko ezidityanisiweyo qho ngosuku, kuza kuphela unyaka sele uyigqibile yonke iBhayibhile.

Nokuba ufuna indlela yokufunda iBhayibhile qho ngosuku, ngonyaka, okanye usafuna ukuyiqala, olu cwangciso lungakunceda. Dawunlowda olu cwangciso lokufunda iBhayibhile, uze uqalise kwanamhlanje.