Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

IBhayibhile yindlela uThixo athetha ngayo nathi. Simele siyifunde ukuze sazi uMbhali wayo. (Yohane 17:3; 2 Timoti 3:​16) EBhayibhileni uYehova uThixo uchaza isizathu sokudala kwakhe abantu nekhaya labo elingumhlaba.​​—Genesis 3:​15; ISityhilelo 21:​3, 4.

Ayikho enye incwadi ekwazi ukunceda abantu njengeBhayibhile. Isinceda sibe neempawu zikaYehova ezinjengothando, inceba novelwano. Isinika ithemba elisinceda sikwazi ukunyamezela nantoni na. Isinceda sibone izinto ezenzeka ehlabathini, ezingavumelaniyo nokuthanda kukaThixo.​​—INdumiso 119:​105; Hebhere 4:​12; 1 Yohane 2:​15-17.

IBhayibhile yaqala yabhalwa ngesiHebhere, isiAramiki nesiGrike. Iye yaguqulelwa, iphelele okanye ingaphelelanga, ngeelwimi ezimalunga ne-3 000. Iyeyona ncwadi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi yaza yasasazwa kakhulu. Ibimele ibe njalo kakade. Kaloku kukho isiprofeto seBhayibhile esithi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani [obuyeyona nto ifundiswa yiBhayibhile] ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.”​—Mateyu 24:14.

Ekubeni siyazi indlela ebaluleke ngayo into efundiswa yiBhayibhile, eyona njongo yethu ibikukuba siyiguqulele ngokuchanileyo ngokusuka kwimibhalo yokuqala, size ngaphezu koko siyenze icace ize ifundeke lula. Amanqaku akwiSihlomelo athi “Imigaqo Yokuguqulelwa KweBhayibhile,” “Indlela Eguqulelwe Ngayo,” “Yavela Njani IBhayibhile?” athetha ngemigaqo eye yalandelwa xa bekuhlaziywa le Bhayibhile, acacisa nezinye izinto ezikhoyo kuyo.

Abantu abathanda uYehova uThixo nabamkhonzayo bathanda iBhayibhile echanileyo nabayiva lula. (1 Timoti 2:4) Yiloo nto siye saqinisekisa ukuba le Bhayibhile iyafumaneka nangesiXhosa, kuba sifuna ifumaneke ngeelwimi ezininzi kangangoko kunokwenzeka. Sithandazela ukuba le nguqulelo yeZibhalo Ezingcwele ikuncede njengoko uzimisele ‘ukufuna uThixo uze umfumane.’​—IZenzo 17:27.

New World Bible Translation Committee