Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile​—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo, Inxalenye 6

“Imihla Yokugqibela”

IBhayibhile​—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo, Inxalenye 6

Olu ngcelele luneenxalenye ezisibhozo ‘kuVukani!’ luhlolisisa inkalo ebalaseleyo yeBhayibhile—iziprofeto zayo, okanye izinto eyazichazayo. La manqaku aza kukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo: Ngaba iziprofeto zeBhayibhile zizinto nje ezaziqikelelwa ngabantu abakrelekrele? Ngaba ngokwenene ziphefumlelwe nguThixo? Siyakucela ukuba ukhe uhlolisise obu bungqina.

SIPHILA kumaxesha anzima. Mbombo zone zomhlaba, sifumana uthotho lweendaba ezimbi zeentlekele nezidubedube. Ngaba kukho nto ikhethekileyo ithethwa koku?

Kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, iBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba iingxaki zehlabathi zaziya kuphumela ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.’ (Mateyu 24:3) Oku akuthethi “isiphelo sehlabathi” njengokuba abantu besoyika. Kunoko, iBhayibhile ichaza uthotho lweziganeko nezimo zengqondo ababeya kuba nazo abantu okanye umqondiso oza kwenzeka ebudeni bexesha “lemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1) UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba xa bebona “ezi zinto zisenzeka,” babemele bazi ukuba isiqabu sikufuphi. (Luka 21:31) Khawucinge nje ngezinye zeziprofeto ezibonisa ukuba siphila kwixesha elahlukileyo.

Isiprofeto 1:

“Uhlanga luya kuvukelana nohlanga.”—Mateyu 24:7.

Inzaliseko: Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, abantu abaninzi babelindele uxolo. Ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi I kothusa ihlabathi, kwathetha isiqalo sexesha lee mfazwe ezingazange zibonwe. Njengokuba incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo yachazayo, uxolo lwasuswa “emhlabeni ukuze [abantu] babulalane ngogonyamelo.”—ISityhilelo 6:4.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • “Ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi Yokuqala ngowe-1914 kwalitshintsha ngokupheleleyo ihlabathi.”—IThe Origins of the First World War, eyapapashwa ngowe-1992.

  • Nakuba inani labo bafa kwiMfazwe Yehlabathi I lingaziwa ncam, enye intyila-lwazi iqikelela ukuba kwafa izi-8 500 000 zamajoni.

  • KwiMfazwe Yehlabathi II kwafa abantu abangakumbi, malunga nezigidi ezingama-35 ukusa kuma-60 zamajoni nabantu.

  • Ukususela ekupheleni kwemfazwe yehlabathi yesibini ukusa kowama-2010, kuye kwakho  iimfazwe ezingama-246 kumazwe ali-151 emhlabeni wonke.

Isiprofeto 2:

“Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.”—Mateyu 24:7.

Inzaliseko: Ngenkulungwane yama-20, indlala yabulala abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-70 ibe iseyeyona ngxaki igqugqise ihlabathi.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • Ngokutsho kweZizwe Ezimanyeneyo, indlala sesona sisongelo sezempilo siphambili ehlabathini, yaye umntu om-1 kwaba-7 ehlabathini usokola into yokutya.

  • “Imozulu embi asikokuphela konobangela wokunqongophala kokutya, kodwa ziliqela yaye ezine eziphambili ziyimiphumo yomonakalo osele unexesha elide usenzeka: ukwanda ngokukhawuleza kwabemi, ukukhukuliseka komhlaba, ukushokoxeka kwamanzi nokufudumala komhlaba.”—IScientific American.

Isiprofeto 3:

“Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.”—Luka 21:11.

Inzaliseko: Ekubeni bebaninzi ngoku abantu abahlala kwiindawo ezithandwa ziinyikima, baye banda abantu ababulawa zizo okanye abachatshazelwa zizo ngenxa yokuba nazo ziye zaquqa zibuyelela.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • INgxelo Yeentlekele Zehlabathi Zowama-2010 ithi: “Xa zizonke iintlekele ezinkulu, iziganeko zeenyikima ezinkulu ziye zabulala abantu abaninzi kule minyaka yamvanje.”

  • Ukususela kowe-1970 ukusa kowama-2001, ingxelo ibonise ukuba bekukho umlinganiselo weentlekele zenyikima * omalunga ne-19, nalapho kuye kwafa umlinganiselo wabantu abali-19 547. Kwiminyaka elishumi ngaphambi kowama-2012, lo mlinganiselo wabantu abafayo uye wenyuka waya kutsho kwiinyikima ezingama-28 ngonyaka nalapho kufa umlinganiselo wabantu abangama-67 954.

Isiprofeto 4:

‘Kuya kubakho neendyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo.’—Luka 21:11.

Inzaliseko: Phezu kwayo nje inkqubela eyenziweyo kwezonyango, nyaka ngamnye kusafa izigidi zabantu ngenxa yezifo ezosulelayo. Ukuqukuqela kwabantu kumazwe ngamazwe nokwanda kwabantu abahlala ezidolophini kungabangela ukusasazeka ngokukhawuleza kwesifo esiqhambukayo.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • Ingqakaqha iye yabulala abantu abaqikelelwa kwizigidi ezingama-300 ukusa kuma-500 kwinkulungwane yama-20.

  • IWorldwatch Institute ithi ebudeni bale minyaka ingama-30 idluleyo “kuye kwaqhambuka izifo ezingaphezu kwamashumi amathathu ezisisisongelo ezazingaziwa njenge-Ebola, iHIV, iHantavirus, neSARS.”

  • IWorld Health Organization iye yalumkisa ngokuvela kweentsholongwane ezikwaziyo ukuxhathisa amachiza, isithi: “Kubonakala ngathi ihlabathi liza kufika kwixesha apho iiantibhayotiki zingasayi kusebenza ngenxa yokuxhathisa kwezifo eziqhelekileyo, [kuza] kuphinda kufe inyambalala yabantu.”

Isiprofeto 5:

Abantu baya ‘kungcatshana, bathiyane. Luya kuphola nothando lwabaninzi.’—Mateyu 24:10, 12.

Inzaliseko: Ngenxa yokuthiywa kweentlanga ezithile, kuye kwabulawa izigidi zabantu. Kumazwe amaninzi, ungquzulwano nolwaphulo-mthetho olwenziwa kuxhotyiwe luye lwakhokelela kuloyiko nogonyamelo olungathethekiyo.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • AmaNazi abulala izigidi ezithandathu zamaYuda kuquka izigidi zezinye iintlanga. Ethetha ngentsabelo yabantu kwesi sihelegu, umbhali uZygmunt Bauman uthi: “Kunokuba abantu banxakanyiswe koku kutshatyalaliswa kwabantu basuka batya tyum ngathi akwenzekanga nto.

  • Ngokutsho kweBBC News kuqikelelwa  ukuba amaTutsi namaHutu amalunga nama-800 000 abulawa kwiinyanga nje ezimbalwa. Omnye umphengululi uqikelela ukuba bamalunga nama-200 000 abantu ababebandakanyekile koko kubulawa.

  • Nyaka ngamnye, bangaphezu kwama-740 000 abantu ababulawa kwiziganeko zolwaphulo-mthetho nongquzulwano lwezixhobo.

Isiprofeto 6:

“Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangenawo umsa wemvelo.”—2 Timoti 3:2, 3.

Inzaliseko: Alikho ixesha elakha lanabantu abanyolukileyo nabangakwazi kuzibamba njengabanamhlanje. Oku kuye kwakhokelela kwiingxaki ezininzi ezingathethekiyo.

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • IUNICEF UK inikela ingxelo yokuba isebe lentlalo-ntle labantwana lithi kubonakala ukuba abazali nabantwana baseUnited Kingdom “bahlala bexakeke kukuthenga izinto.” Iintsapho zithengana nezinto eziphathekayo “kuba zizama ukuvala eso sikroba sokungabi nolwalamano oluhle nokunganqabiseki.”

  • Kuqikelelwa ukuba bafikelela kwizigidi ezingama-275 abantwana abachanabeke kugonyamelo kumakhaya abo.

  • “EUnited States kuphela, kuthiwa bangaphezu kwama-500 000 abantu abakhulileyo abaxhatshazwayo okanye abangahoywayo minyaka le.”—Amaziko Okulawula Nokuthintela Izifo.

Isiprofeto 7:

“Ezi ndaba zilungileyo ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.”—Mateyu 24:14.

Inzaliseko: IBhayibhile ifundisa ukuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wokwenene, apho uYesu eya kulawula kubo njengoKumkani. Obu Bukumkani bamazulu “buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [oorhulumente babantu], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.

UBukumkani bukaThixo—into obuyiyo nento obuza kuyenza—ngoyena ndoqo wesigidimi esifundiswa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini jikelele.

Ngenxa yokuzaliseka kukaMateyu 24:14, amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo

Oko kutyhilwa bubungqina:

  • Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova afikelela ngaphaya kwezigidi ezisixhenxe kumazwe angaphezu kwama-230, afundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo.

  • Ngeencwadi ezishicilelwayo nezikwi-Intanethi, amaNgqina kaYehova asasaza uncwadi olusekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kwama-500.

Umqondiso Nekamva Lakho

Emva kokuhlolisisa ubungqina, izigidi ziye zagqiba ekubeni ngoku kuzaliseka imiqondiso yemihla yokugqibela echazwa eBhayibhileni. Njengokuba amanqaku amathandathu okuqala olu ngcelele eye abonisa, imbali ingqina ukuba iBhayibhile yincwadi yesiprofeto esichanileyo ngokwenene.

Nawe unokuba nentembelo koko kwaxelwa kwangaphambili yiBhayibhile ngokuphathelele ikamva. Umele ukuba nawe uye wachukunyiswa zezi ziprofeto, kuba uThixo uthembisa ukuyiphelisa le mihla yokugqibela izaliswe zizinto ezoyikisayo. Amanqaku amabini aseleyo olu ngcelele aza kucacisa indlela le “mihla yokugqibela” eza kuphela ngayo, aze achaze nendlela eliza kumangalisa ngayo ikamva lomhlaba nabantu abaza kuphila kuwo.

^ isiqe. 22 IZiko Lophando Ngeentlekele Ezingubhubhani lichaza “intlekele” yenyikima njengesiganeko esifana nezi: xa kufe abantu abali-10 okanye ngaphezulu, kwachaphazela aba-100 nangaphezulu, kwamiselwa umthetho wongxamiseko, okanye kwacelwa uncedo kwamanye amazwe.