Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokufuduka Bukakhwalimanzi Ongwevu

Ubuchule Bokufuduka Bukakhwalimanzi Ongwevu

UKUFUDUKA kukakhwalimanzi ongwevu kubakhwankqisa gqitha abantu. Uhambo lwale ntaka oluziikhilomitha ezingama-11, 000 lunokuthatha iintsuku ezingaphezu kwezisibhozo.

Khawufan’ ucinge nje: Abaphandi bakholelwa ukuba ezinye iintaka zinento efana nekhampasi ezinceda zazi indlela ezifanele zihambe ngayo. Kusenokwenzeka ukuba ukhwalimanzi yena uncedwa nalilanga emini kunye neenkwenkwezi ebusuku. Kubonakala ngathi le ntaka iyakwazi ukubona xa kusiza uqhwithela olunokuyinceda iqhutywe ngumoya walo. Sekunjalo, iingcali azikayiqondi ncam eyona ndlela zifuduka ngayo ezi ntaka. UBob Gill osisazi-nzulu uthi: “Ndineminyaka engama-20 ndifunda ngezi ntaka, kodwa nangoku zisandishiya ndibamb’ ongezantsi.”

Ucinga Ntoni? Ngaba ubuchule bokufuduka bukakhwalimanzi ongwevu benzeka ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba kukho mntu uthile owabenza ngobulumko?