Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IPhonografi

IPhonografi

Ngaba iBhayibhile ithi kuphosakele ukubukela iphonografi?

“Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.”—Mateyu 5:28.

ISIZATHU SOKUXHALABA

Namhlanje iphonografi ixhaphake ngeyona ndlela. Ukuba ufuna ukukholisa uThixo nokonwaba, ufanele wazi indlela ayijonga ngayo iphonografi.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayithethi ngokungqalileyo ngephonografi. Sekunjalo, ukubukela iphonografi kuchasene mpela nezinto ezifundiswa yiBhayibhile.

Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ukuba indoda etshatileyo ‘iqhubeka ikhangela umfazi’ engatshatanga naye, de ikhanuke ukulala naye, loo nto inokuphumela ekukrexezeni. Umgaqo weBhayibhile oqulethwe yile vesi usebenza kuye nabani na ‘oqhubeka ekhangela’ iphonografi ngenjongo yokuziyolisa ngesondo, enoba utshatile okanye akatshatanga. UThixo uyithiyile loo nto.

 Ngaba ukubukela iphonografi kusisono enoba umntu akazukuhenyuza emva koko?

“Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu . . , uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”—Kolose 3:5.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abaphengululi bathi ukubukela iphonografi akwenzi abantu bafune ukwabelana ngesondo. Ngoko, ngaba iphonografi ingcolile?

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithi ‘ukuqhula okungamanyala’ kubi yaye akwamkelekanga. (Efese 5:3, 4) Ukuba kwaukuqhula nje okungamanyala akwamkelekanga, kubeka phi ke ngephonografi? Kule mihla, iphonografi iquka ukurekhodwa kwabantu belalana ngokoqobo, abantu abakrexezayo kunye namafanasini. Ngokuqinisekileyo, amanyala anjalo amenyanyisa ngakumbi uThixo kunokuba kunjalo ngokuqhula okungamanyala.

Abanye abaphandi bayayiphikisa into yokuba abantu banokufuna ukuzenza izinto abazibukela kwiphonografi. Kodwa ke iBhayibhile iyaluxhasa uluvo lokuba ukubukela, ukufunda nokuphulaphula iphonografi kukwenza uphelelwe lukholo yaye kuyamcaphukisa uThixo. IBhayibhile ithi: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba . . . uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini.” (Kolose 3:5) Abantu ababukela iphonografi abayenzi le nto ichazwe kule vesi—kunokuba babhubhise iminqweno enjalo, bayayikhwezela.

Yintoni enokukunceda wahlukane nephonografi?

“Funani okulungileyo, kungekhona okubi. . . Thiyani okubi, nithande okulungileyo.”—Amosi 5:14, 15.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithetha ngabantu ababethe phithi kukulalana, amanxila kunye namasela awakwaziyo ukwahlukana nale mikhwa iyingozi. (1 Korinte 6:9-11) Bancedwa yintoni? Ukusebenzisa kwabo oko kuthethwa liLizwi likaThixo kwabanceda bathiya okubi.

Umntu angakwazi ukuyithiya iphonografi ukuba ucingisisa nzulu ngemiphumo emibi yalo mkhwa uyingozi. Uphando olusandul’ ukwenziwa yiUtah State University lubonisa ukuba abanye abantu ababukela iphonografi “bayaxinezeleka, bazenze amakheswa baze bangakwazi ukuba nobuhlobo obuhle nabanye,” kuquka neminye imiphumo ebuhlungu. Ngaphezu koko, njengoko kuboniswe ngaphambili, eyona ngozi inkulu yokubukela iphonografi kukuba iyamcaphukisa uThixo. Ukuyibukela kuxabanisa lowo uyibukelayo kunye noMdali wakhe.

IBhayibhile inokusinceda sifunde ukuthanda okulungileyo. Okukhona sifunda iBhayibhile, siya kukuthanda nangakumbi oko ikufundisayo, nto leyo eya kusenza siziphathe ngendlela ecocekileyo. Olo thando luya kusinceda singabukeli iphonografi, size sivakalelwe njengomdumisi owathi: “Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.”—INdumiso 101:3.