Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Umzimba Wentlanzi Emile Ngathi Yinkwenkwezi

Umzimba Wentlanzi Emile Ngathi Yinkwenkwezi

lSIKHUMBA sale ntlanzi senziwe ngendlela emangalisayo. Sinamehlo amaninzi amancinci nayinceda ibone macala onke.

Amaqhuqhuva amancinane akwisikhumba sale ntlanzi ayinceda ibone ngokucacileyo

Cinga ngoku: Iphephancwadi iNatural History lithi xa izazinzulu beziqwalasela umzimba wale ntlanzi, ziye zafumanisa ukuba “isikhumba sayo sinamaqhuqhuva amaninzi amancinci.” La maqhuqhuva enziwe ngecalcium carbonate (calcite) anceda ekudluliseleni ukukhanya kwimithambo yale ntlanzi. Ngaphezu koko, la mehlo ayo mancinci ayenza ikwazi ukubona kakuhle.

Isazinzulu uJoanna Aizenberg uthi “esi sikhumba sale ntlanzi sisifundisa into ebalulekileyo yokuba: izakhi zezinto eziphilayo ziyakwazi ukwenza izinto ezininzi ezahlukahlukeneyo.”

Abaphandi baye bakopa indlela owenziwe ngayo umzimba wale ntlanzi ukuze benze iilensi ezincinane ezenziwe ngecalcium carbonate. Phakathi kwezinto ezininzi ezenziwa ngezi lensi ziquka ezonxibelelwano.

Ucinga ntoni? Ngaba umzimba wentlanzi emile ngathi yinkwenkwezi wabakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba wadalwa?