UVUKANI! Januwari 2014 | Iwebhsayithi Eyahlukileyo

Ungathanda ukuyazi kakuhle iBhayibhile okanye ukwenza intsapho yakho yonwabe? Ngaba usemtsha yaye ufuna amacebiso? Iwebhsayithi yethu yenzelwe wonke umntu.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Iwebhsayithi Eyahlukileyo

Ziqhelanise newebhsayithi yethu uze ufunde indlela wena nentsapho yakho eninokungenelwa ngayo kubulumko obuseBhayibhileni.

Okwenzeka Ehlabathini

Ezinye izinto ekuthethwa ngazo: amalungelo abantwana kumazwe aseAfrika asezantsi kweSahara, ukoyika ukuxhatshazwa kwabantwana kwi-intanethi eItali kunye nokwanda kwenani labantu abasebatsha abangafuni kunyuselwa emsebenzini eJapan.

UDLIWANO-NDLEBE

Isazi Sebhayoloji Sichaza Ngokholo Lwaso

Ukuntsonkotha kweseli kwabangela ukuba uFeng-Ling Yang, usosayensi waseJapan, atshintshe oko ebekucinga ngokudalwa nokuzivelela kwezinto. Ngoba?

UKUNCEDA INTSAPHO

Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga

Ingcinezelo yoontanga inokwenza abantu abalungileyo benze izinto ezimbi. Yintoni omele uyazi ngayo, yaye unokumelana nayo njani?

IMBONO YEBHAYIBHILE

Indalo

IBhayibhile ikwachaza ‘iintsuku’ ezintandathu zokudalwa. Ngaba ezi ntsuku zazineeyure eziyi-24?

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EItali

I-Itali yaziwa ngembali yayo, umhlaba owohlukahlukeneyo nabantu abanobubele. Funda ngakumbi ngeli lizwe nomsebenzi wamaNgqina kaYehova kulo.

NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokuncamathelisa Besigcawu Sasendlwini

Isigcawu sasendlwini sivelisa iglu eyomeleleyo ize kwangaxeshanye iphinde ibe buthathaka xa kuyimfuneko. Funda ukuba kwenzeka njani oku.