Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

ETshayina

Uqhawulo-mtshato eBeijing lunyuke nge-41 pesenti kwiinyanga ezisithoba zokuqala zonyaka ka-2013 xa uthelekisa nexesha elifanayo ngo-2012. Iingcali zithi oku kusenokuba kubangelwe kukuba ezinye izibini ezitshatileyo ziqhawula umtshato ngabom ukuze ziphephe ukuhlawula irhafu exhomileyo ye-20 pesenti xa umntu eye wathengisa indlu. Kaloku, urhulumente uyayehlisa intlawulo yerhafu kwizibini eziqhawule umtshato, xa zithengisa indlu yazo yesibini.

Ehlabathini

IZizwe Ezimanyeneyo ziye zavela necebo lokuba ingayigxotha ikati eziko into yokuba uninzi lwabantu lutye izinambuzane. Kwingxelo yazo yakutshanje ziye zathi izinambuzane ezityekayo zinesondlo yaye “zisenokuthatha indawo yenyama.” Noko ke, le ngxelo iyivelele nenkalo yokuba, “kwezinye iindawo ukutyiwa [kwezinambuzane] kuyenyanyeka.”

EKhanada

Iikliniki zokubelekisa zime nematha zixakwe yinto emaziyenze ngeemveku ezingekazalwa ezigcinwe emkhenkceni, ngenxa yokuduka “kwabaninizo.” Kuthiwa kwenye yezo kliniki kukho iimveku eziyi-1000 ezisemkhenkceni “ezingenabani.”

EIreland

AmaKatolika aseIreland ebekwazi ukukhetha phakathi kokutshatela ecaweni okanye kwamantyi. Kodwa ukususela ngo-2013 ayenako nokukhetha ukutshatiswa ngabantu abangakhonziyo. Iziko losasazo iReuters libhengeze ukuba “lintinge kakhulu inani labantu abangafuni ukutshatela ecaweni nakwamantyi,” kodwa befuna ukumanywa ngabatshatisi abangakhonziyo.