Okwenzeka Ehlabathini
Ehlabathini
Umbutho ojongene nokusindiswa kobomi babantwana ehlabathini lonke uthi: “Unyaka nonyaka zifikelela kwizigidi ezithathu iimveku ezisweleka kuseyinyanga yokuqala yobomi bazo, zibulawa zizifo ebezinokuthintelwa. Ngaphezu kwesithathu sezi mveku sisweleka kwakusuku lokuqala.”
EBritani
Ngokophando olwenziwe ngo-2011 nguMbutho Ojongene Nempilo Kawonke-Wonke eNgilani, iidolophu ezizimeleyo eziyi-15 ziye zanenani elinyukileyo labantu ababulawa lungcoliseko lomoya. Kuye kwenziwa idizili engenabungozi kangako xa ithelekiswa namanye amafutha ezithuthi. Noko ke, iipesenti eziyi-91 zongcoliseko lomoya kula mmandla zisuka kwizithuthi ezisebenzisa le dizili.
ERashiya
Uphando olwenziwe ngo-2013 nguMbutho WaseRashiya Ojongene Noluvo Lukawonke-wonke, lubonisa ukuba i-52 pesenti yabantu baseRashiya abazibiza ngokuba bangamaKristu ithi ayizange khe iyifunde iBhayibhile, yaye i-28 pesenti ithi ithandaza manqaphanqapha.
EAfrika
IBhanki Yehlabathi ithi: Ukruthakruthwano lwemihlaba lubangela ukuba kubekho ukusilela kwezolimo, nto leyo ebangela indlala. Isiqingatha somhlaba ongalinywanga osasetyenziswayo nozizigidi eziyi-202 zeehektare ukwilizwekazi iAfrika, apho i-25 pesenti inokusebenziseka ngamandla.
EUnited States
Zininzi izikolo neeyunivesithi ezithe zayeka ukusebenzisa iincwadi zokufundisa zaza zasebenzisa iitablet ezisebenza ngombane nezifakelwe iinkqubo zemfundo ezifunekayo. Le ndlela isenokuba yeyona inamaxabiso angatyabuli kangako, kodwa ayiqondakali.