Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Umhlaba

Umhlaba

Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba?

“UYehova, . . . uMyili womhlaba, . . . nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe, utsho ukuthi.”Isaya 45:18.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bathi umhlaba wazivelela. Ezinye iicawa zifundisa ukuba uThixo usebenzisa umhlaba ukuze avavanye abantu, abone enoba bafanele bavuzwe ngobomi ezulwini okanye basiwe esihogweni.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithi, “uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Wathi kubantu ababini bokuqala: ‘Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi . . . kuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.’ (Genesis 1:28) Ukufa kwakhankanywa kuphela xa kwakuthethwa ngokungathobeli. (Genesis 2:17) Ngoko ke, uThixo wayefuna umhlaba ube likhaya labantu ngonaphakade. Kwakufuneka uzaliswe ngabantu abathobelayo abaza kuwunyamekela baze bahlale kuwo ngonaphakade.

 Ngaba umhlaba uza kutshatyalaliswa?

“Useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.”INdumiso 104:5.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Oososayensi baye bathetha ngezinto ezahlukahlukeneyo ezinokutshabalalisa umhlaba okanye ezinokwenza kungahlaleki kuwo. Ezi zinto, ezinokubangela ukutshabalala kwabantu, ziquka iintlekele zemvelo—njengokuntlithwa lilitye eliwa esibhakabhakeni, iintaba-mlilo, ukucima kwelanga okanye ukuba shushu komhlaba—kunye nezibangelwa ngabantu njengemfazwe yenyukliya okanye ukunqoloba ngeentsholongwane.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Injongo kaThixo ngomhlaba ayikatshintshi. ILizwi likaThixo lithi: “Umhlaba umi ixesha elingenammiselo.” (INtshumayeli 1:4) Ngaphezu koko, abantu baya kuhlala kuwo ngonaphakade: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Ukukholelwa ukuba umhlaba ekugqibeleni uya kutshatyalaliswa kubangela abanye bawusebenzise kakubi. Abanye baye baphelelwa lithemba ibe baphilela unamhlanje. Oku kunokukhokelela kubomi obungenanjongo. Kwelinye icala, ukuba sikholelwa ekubeni sinokuphila ngonaphakade emhlabeni, siya kwenza izigqibo eziya kunceda thina neentsapho zethu—nakwixesha elizayo.

Ngaba abantu baya kuphelela ezulwini?

“Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.”INdumiso 115:16.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Amazulu ngakaThixo kodwa umhlaba ngowabantu. IBhayibhile ithetha, ‘ngomhlaba omiweyo oza kuza.’ (Hebhere 2:5) UYesu wayengumntu wokuqala ukunyukela ezulwini ibe iBhayibhile ibonisa ukuba bambalwa abaza kuya ezulwini. Kunye noYesu, baza “kulawula njengookumkani phezu komhlaba.”—ISityhilelo 5:9, 10; Luka 12:32; Yohane 3:13.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Inkolelo yokuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini ayivisisani nemfundiso yeBhayibhile. Ukuba uThixo ebenokuthatha bonke abantu abalungileyo abase ezulwini, oko bekuya kuthetha ukuba usilele kwinjongo yakhe ngomhlaba nokuba izithembiso zakhe ngobomi obungunaphakade aziyonyaniso. Ngokwahlukileyo koko, iLizwi likaThixo lithembisa oku: “Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe, uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba.”—INdumiso 37:34.