Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA NGUWE OLAWULA UBOMI BAKHO?

Ingxaki: Ukuba Nokuninzi Emagxeni Akho

Ingxaki: Ukuba Nokuninzi Emagxeni Akho

UPHITHIZELISWA ngabantwana abafuna ukuhoywa. Nomqeshi wakho ngokunjalo. Ibe liqabane lakho kwelinye icala. Kunjalonje bonke bafuna ukuhoywa ngoku. Kanti ukwajongene nokunyamekela umzali ogulayo. Ngokuqinisekileyo obu ayibubo ubomi obubunqwenela, kodwa ke kufuneka ujijisane nabo. Uyazibuza: “Ndithini ke, kuba bonk’ aba bantu baxhomekeke kum?” Ukuzama ukubahoya bonke kusenokungakuncedi nganto wena, kunye nabo. Unokwenza ntoni ke ukuze ubulawule kwakhona ubomi bakho?

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: UMOSES

Ekubeni uMoses yayinguye yedwa umgwebi kwaSirayeli, mhlawumbi wayevakalelwa kukuba bonke abantu baxhomekeke kuye. Kodwa utata-zala wakhe wathi kuye: “Ayilungile le ndlela wenza ngayo. Ngokuqinisekileyo uya kuphelelwa ngamandla.” Wacebisa uMoses ukuba asebenzise namanye amadoda afanelekayo njengabagwebi, aze yena ajongane namatyala anzima kuphela. Waba yintoni umphumo? Utata-zala wakhe wamqinisekisa wathi: “Ngokuqinisekileyo woba nako ukuma, size, ngapha koko, nesi sizwana sonke sifike endaweni yaso sinoxolo.”—Eksodus 18:17-23.

OKWENZIWA NGUDELINA

Njengoko kukhankanyiwe kwinqaku lokuqala, uDelina unesifo esihlasela imithambo-luvo. Ukongezelela apho, unyamekela abantakwabo abathathu abakhubazekileyo. Uthi: “Ndifumanise ukuba ukucebela usuku ngalunye nokungazibekeli amangomso izinto kuyasinciphisa istres. Ukuthetha ngokuphandle ngemeko yam kwenze abanye bandinceda, kuquka umyeni wam. Kwakhona, ndichitha ixesha elincinane ntsasa nganye ndisebenza egadini, ibe oko kundenza ndizive ndaneliseke kakhulu.”

“Yonke into inexesha layo elimisiweyo.”—INtshumayeli 3:1

OKO UNOKUKWENZA

Ukuba unomthwalo omninzi emagxeni akho, khawukhe uzame oku:

  • Cela uncedo kwabanye abantu. Ngokomzekelo, ngaba kukho abantwana ekhaya abanokunceda? Ngaba kukho amalungu entsapho ahlala kufutshane nawe anokukuncedisa?

  • Xelela abanye ngoko ukudingayo. Ngokomzekelo, mxelele umqeshi wakho xa ekungxixha ngomsebenzi omninzi ngokungeyomfuneko. Oko akuthethi kuthi umele umtyityimbisel’ umnwe ngelithi uza kuyeka emsebenzini. Mcacisele nje kakuhle ngemeko yakho. Usenokuvuma ukuwuphungula umsebenzi wakho.

  • Bhala phantsi imisebenzi eyahlukahlukeneyo oyenzayo ngeveki. Ngaba eminye ibingenakwenziwa ngabanye abantu?

  • Musa ukusoloko uvuma xa umenyelwa kwiimbutho zolonwabo. Usenokwala ngobubele xa ungenalo ixesha okanye uziva udiniwe.

Lilonke: Ukuba uzama ukwenza yonk’ into uya kugqibela sowungenzanga kwanto.