Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Akazange Agungqe Kwiinkolelo Zakhe

Akazange Agungqe Kwiinkolelo Zakhe

Xa uSong Hee wayeneminyaka eyi-11, unina waqaphela ukuba umqolo wakhe ugobile. Ugqirha wafumanisa ukuba unesifo sokugoba umqolo ekuthiwa si-“scoliosis.” Kangangendlela eyayisiya isiba mbi ngayo le meko, kwade kwafuneka enziwe utyando. Kodwa uSong Hee, wayengafuni kutofelw’ igazi. Ababhali bakaVukani! baye bamcela abalise amava akhe.

Xa oogqirha bafumanisa ukuba unesi sifo, ngaba bakwazi ukukunceda?

Kangangeminyaka emithathu, ndandihoywe ngoogqirha ababini, kodwa umqolo wam waya ugoba ngakumbi. Kangangokuba wawusele ucinezela intliziyo nemiphunga yam, nto leyo eyayisenza kube nzima ukuphefumla. Kwakunyanzelekile ukuba ndityandwe.

Wavuma ke ukwenziwa utyando?

Ndavuma. Kodwa ndaxelelwa ukuba olo tyando lwaluza kuba nzima. Kaloku, ngelo xesha umqolo wam wawusele ugobe kakhulu. Kodwa kwakukho nomnye umnqantsa endandijongene nawo. Ngenxa yeenkolelo zam ezisekelwe eBhayibhileni, ndandingafuni kutofelwa gazi. *

Wamfumana ke ugqirha owayekulungele ukwenza olo tyando?

Ukhona ugqirha esamfumanayo nomama kwiphondo lasekhaya iFlorida, eMerika. Kodwa ke, ndathi ndakumxelela ukuba andifuni kutofelw’ igazi, wathi akakho ugqirha onokuvuma ukwenza utyando olunzima kangako ngaphandle kokutofela igazi. Waphinda wathi, ndisenokungakafiki kwiminyaka eyi-20 ndisaphila. Ndabe ke ndiseneminyaka eyi-14 ngelo xesha.

Wamcacisela ke ngeenkolelo zakho?

Ewe. Ndamxelela ukuba iinkolelo zam ezisekelwe eBhayibhileni zithi igazi lomntu nelezilwanyana lingcwele kuThixo. * UmSirayeli wayede abulawe ngokutya igazi! * Ndambonisa nencwadi yeZenzo 15:19, 20 eyayibhalelwe amaKristu isithi: ‘Mawakhwebuke egazini.’ Loo nto ithetha ukuthi asimele silitofele okanye silitye.

Wathini ugqirha akuva oko?

Wema kwelithi kuza kufuneka nditofelw’ igazi. Yandimangalisa neyokuba isibhedlele sindithembise ukuba asizi kundibiza nesenti kolo tyando.

Ingathi licham nje elo! Nathini ke nina?

Nangona kwakubonakala ngathi sibuya nemband’ esikhova kwimizamo yethu, sema kwisigqibo sethu sokungalitofeli igazi. Kwaba ngathi akukho nto ilungayo kuba ngokwasemthethweni ndandisemncinci. Ngenxa yokuba ukugula kwam kwakusiya kuqatsela, sasiwa enkundleni. Okumnandi kukuba, inkundla yasinika iintsuku eziyi-30 ukuze sikhangele ugqirha onokusinceda.

Namfumana ke?

Ewe! IKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele yamaNgqina kaYehova yasidibanisa nomnye ugqirha waseNew York owayekulungele ukusinceda. Sabe ke siyamfumana ugqirha zingekapheli iintsuku eziyi-30. *

Lwahamba njani utyando?

Lwahamba kakuhle gqitha! Ukuze olule umqolo wam, uGqirha uRobert M. Bernstein wandifaka iintsimbi. Olo tyando walwenza ngokwamanqanaba amabini, ohlulwa ziiveki ezimbini.

Kwakutheni ukuze alwenze ngokwamanqanaba amabini?

Ukuba ndandinokulahlekelwa ligazi elininzi kwinqanaba lokuqala, umzimba wam wawuza kuba nexesha elaneleyo lokuvelisa iiseli ezibomvu zegazi ngaphambi kokuba singene kwelesibini. Kodwa ngenxa yomsebenzi omhle awawenzayo, ndalahlekelwa ligazi elincinci kakhulu kuwo omabini loo manqanaba. Ndachacha ngokukhawuleza, ndaza ndasinda nakwiingxaki ezidla ngokubangelwa kukutofelwa igazi. *

Wavakalelwa njani ugqirha ngaloo miphumo?

Oogqirha bamele bazixabise izigulane

Wavuya gqitha! Wade wathi, “Oogqirha abamele bacinge ukuba umsebenzi wabo uphelele nje ekwenzeni utyando.” Wayevakalelwa kukuba oogqirha bamele bazixabise izigulane neenkolelo zazo. Abantu abaninzi kuquka nabangengomaNgqina bangayixhasa ngokupheleleyo loo nto.

^ isiqe. 7 USong Hee nomama wakhe bangamaNgqina kaYehova, ibe yena wabhaptizwa ngo-2012 eneminyaka eyi-16.

^ isiqe. 17 IKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele inceda amaNgqina afumane oogqirha abakufutshane abanokubanyanga ngaphandle kokutofela igazi.

^ isiqe. 21 Kwinqaku elalithetha ngeengozi zokutofela igazi, iClinical Excellence Commission, yeSebe Lezempilo laseOstreliya yathi: “Ukutofelwa igazi kufana nokufakelwa elinye ilungu lomzimba. Umzimba uyalilwa elo lungu kuba ungaliqhelanga. Kubalulekile ukucinga ngezi ngozi.”