Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Indlela Izityalo Ezibala Ngayo

Indlela Izityalo Ezibala Ngayo

Ukuze izityalo zivelise ukutya zisebenzisa amandla elanga ngokusebenzisa inkqubo ebizwa ngokuthi yiphotosynthesis. Abaphandi bohlobo oluthile lwesityalo bafumanise okungakumbi ngendlela yokuphanda—izityalo zibala ukutya ezimele zikusebenzise ebusuku.

Khawucinge ngoku: Emini, izityalo ziguqula icarbon dioxide ibe sisistatshi neswekile. Ngobusuku, iintlobo ezininzi zesityalo zisebenzisa istatshi emini, ukuze zikhule yaye zivelise imveliso. Ngaphezu koko, ziye zisisebenzisa eso statshi bezisigcinile ngomlinganiselo ofanelekileyo—Zisebenzise malunga ne95 pesenti de kube kusasa, ukuze zikwazi ukuvelisa imveliso.

Olu phando luthatyathwe kufuniselo olulwenziwe kuhlobo lwesityalo esibizwa ngokuba yiArabidopsis thaliana. Abaphandi bafumanise ukuba esisityalo ukusebenzisa kwaso ukutya kuxhomekeka kubude beyure zobusuku. Ngoko bungqina obufunyenweyo, esisityalo siyakwazi ukuwohlula umlinganiselo westatshi esikhoyo ngoko bude bexesha eliseleyo ngaphambi kokuba kuse.

Ezi zityalo zazi njani ukuba kukho istatshi esiseleyo? Zilibala njani ixesha? Yiyiphi inkqubo eziyisebenzisayo yokubala? Ukwenza uphando olungakumbi kuya kunceda ekuphenduleni le mibuzo.

Ucinga ntoni? Ngaba indlela izityalo ezibala ngayo yazivelela? Okanye yadalwa?