Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba bungaze bubekho ubulungisa bokwenene emhlabeni?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“Ndiyazi ukuba uYehova uya kuliphumeza ibango elisemthethweni loxhwalekileyo, umgwebo wamahlwempu.” (INdumiso 140:12) UBukumkani bukaThixo buza kuzisa ubulungisa bokwenene emhlabeni.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • UThixo uyakubona ukungabikho kobulungisa emhlabeni ibe uza kuyilungisa loo nto.—INtshumayeli 5:8.

  • UThixo uza kuzisa ubulungisa, kubekho uxolo nokhuseleko emhlabeni wonke.—Isaya 32:16-18.

Ngaba kukho uhlanga uThixo aluthanda ukodlula olunye?

Abanye abantu bathi ezinye iintlanga uThixo uzisikelele, ezinye waziqalekisa, kanti abanye bathi ubaphatha ngokufanayo bonke abantu. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) KuThixo bonke abantu bayafana.

Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni

  • IBhayibhile “ineendaba ezilungileyo” zazo “zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.”—ISityhilelo 14:6.