Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | IINGELOSI​—NGABA ZIKHO NYHANI? KUTHENI IBALULEKILE LOO NTO

Iingelosi​—Ngaba Ikho Into Ezinokuyenza Ebomini Bakho?

Iingelosi​—Ngaba Ikho Into Ezinokuyenza Ebomini Bakho?

Ngenye imva kwemini yangeCawa, uKenneth noFilomena, abahlala eCuraçao, baya kufundela enye indoda nomfazi wayo iBhayibhile.

UKenneth uthi: “Safika kuvaliwe ibe nemoto ingekho. Kodwa kwabakho into ethi makhe ndifowunele umfazi walapho.”

Wayiphendula ifowuni waza wasixelela ukuba umyeni wakhe uphangele. Kodwa wathi akuva ukuba uKenneth noFilomena basemnyango, wabavulela.

Bambona zisuka ukuba ebekhala. Wathi xa uKenneth evula isifundo seBhayibhile ngomthandazo, lo mfazi waphinda wakhala. UKenneth noFilomena bambuza ukuba yintoni ingxaki.

Wabachazela ukuba ebefuna ukuzibulala ngaloo mva kwemini, unqandwe yifowuni kaKenneth xa ebhalela umyeni wakhe emxelela ngokuzibulala kwakhe. Wabaxelela nokuba unedepression. Bamkhuthaza besebenzisa iBhayibhile. Olo khuthazo lwasindisa ubomi bakhe.

UKenneth uthi: “Sambulela uYehova ngokuba siye sakwazi ukunceda lo mfazi, nangokusenza sicinge ngokufowuna mhlawumbi esebenzisa iingelosi okanye umoya wakhe oyingcwele!” *

Ngaba uKenneth noFilomena bacinga kakuhle xa besithi uThixo wangenelela esebenzisa ingelosi okanye umoya wakhe oyingcwele? Okanye uKenneth wafowuna nje ngexesha elifanelekileyo?

Asinakuqiniseka. Kodwa into esiyaziyo kukuba uThixo uye azisebenzise iingelosi ukuze ancede abantu bazi iBhayibhile. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi uThixo wasebenzisa ingelosi ukuze achazele uFilipu owayengumvangeli ukuba aye kunceda umTiyopiya owayefuna ukucaciselwa iZibhalo.—IZenzo 8:26-31.

Iinkonzo ezininzi zikhuthaza ukunqulwa kwezidalwa zomoya ezinamandla angaqhelekanga, ekuye kuthiwe zineempawu ezintle ibe zenza oko kufunwa nguThixo okanye zikhusela umntu ngamnye. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba iingelosi zikho ibe zinokubanceda ngendlela ekhethekileyo. Kodwa ke, abanye abakholelwa kwaukukholelwa kwiingelosi.

Ngaba iingelosi zikho nyhani? Ukuba zikho, zivela phi? Ithini iBhayibhile ngeengelosi? Ngaba ikho into ezinokuyenza ebomini bakho? Makhe sibone.

^ isiqe. 8 Ngokutsho kweBhayibhile, igama likaThixo nguYehova.—INdumiso 83:18.