Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu

KUKHO oodade abakhutheleyo abaninizi abangatshatanga abakhonza apho kukho imfuneko engakumbi yabavakalisi boBukumkani. Abanye sele bekhonze kwamanye amazwe kangangamashumi eminyaka. Yintoni eyabanceda bakwazi ukufudukela kwilizwe lasemzini? Bafunde ntoni ekukhonzeni kwilizwe lasemzini? Bunjani ubomi babo ngoku? Siye sadlan’ indlebe naba makad’ enetha boodade. Ukuba ungudade ongatshatanga okunqwenela ngentliziyo yakhe yonke ukwenza lo msebenzi wanelisayo, siqinisekile ukuba uza kuzuza lukhulu kumava abo. Phofu ke, bonke abantu bakaThixo banokuzuza lukhulu kwimizekelo yabo.

YEKA UKUZEYA

UAnita

Ngaba ukhe uzibuze ukuba ungakwazi ukuba nguvulindlela kwilizwe lasemzini ungatshatanga? UAnita ngoku oneminyaka eyi-75 naye wayezeya. Wakhulela eNgilani, waba nguvulindlela eneminyaka eyi-18. Uthi: “Ndandithanda ukufundisa abanye ngoYehova kodwa zange ndayicinga into yokuba ndingaze ndiye kukhonza kwilizwe lasemzini. Ndandingazange ndifunde lwimi lwasemzini ngaphambili yaye ndandiqinisekile ukuba ndandingasoze ndikwazi ukulufunda. Ngoko, ndothuka xa ndafumana isimemo sokuya kwiSikolo SaseGiliyadi. Ndandimangaliswe yinto yokuba umntu ongabalulekanga njengam afumane eso simemo. Kodwa ndazixelela oku: ‘Ukuba uYehova ucinga ukuba sindifanele, ndiza kuzama.’ Oko kwenzeka kwiminyaka engaphezu kwe-50 eyadlulayo. Ukususela ngoko, bendingumthunywa wevangeli eJapan.” UAnita wongezelela athi: “Ndiyathanda ukukhuthaza oodade abasakhulayo ukuba nabo babe ngoovulindlela kwilizwe lasemzini. Ndiyavuya kuba abaninzi baye bangabo.”

UKUQWEB’ ISIBINDI

Oodade abaninizi abaye bakhonza kwilizwe lasemzini, ekuqaleni babethandabuza ukuya kuloo mazwe. Basiqweba njani isibindi?

UMaureen

UMaureen oneminyaka eyi-64 uthi: “Ndakhula ndifuna ukuphila ubomi obunenjongo nokunceda abanye abantu.” Xa wayeneminyaka eyi-20 wafudukela eQuebec, eKhanada, apho kwakufuneka oovulindlela abangakumbi. “Kamva, ndafumana isimemo sokuya kwiSikolo SaseGiliyadi, kodwa ndandisoyika ukuya kwindawo endingayaziyo ngaphandle kwezihlobo zam.” Wongezelela esithi: “Ndandinexhala, ndingafuni ukushiya umama yedwa kuba wayesonga utata owayegula. Ndandithandaza ndilila ebusuku ndichazela uYehova ngala maxhala am. Xa ndancokola nabazali ngezi zinto zindixhalabisayo, bandicenga besithi mandisamkele eso simemo. Ndabona nendlela abazalwana noodade abanothando ababebaxhasa ngayo abazali bam. Ukubona indlela uYehova aye wabaxhasa ngayo kwandinceda ndamthemba ukuba uza kundixhasa nam. Ndatsho ndakulungela ukuhamba!” Ukususela ngo-1979, uMaureen ebengumthunywa wevangeli eNtshona Afrika kangangeminyaka engaphezu kwe-30. Ngoku unguvulindlela okhethekileyo eKhanada ngoxa esonga unina. Xa ecinga ngexesha awayekhonza ngalo kwilizwe lasemzini uthi: “UYehova ebesoloko endinika oko ndikudingayo xa ndikudinga kanye.”

UWendy

UWendy, ngoku oneminyaka eyi-65, waba nguvulindlela eOstreliya engekadibanisi iminyaka eyi-20. Uthi: “Ndandineentloni, ndingakwazi ukuthetha nabantu endingabaziyo. Kodwa ukuba nguvulindlela kwandifundisa ukuthetha nabantu bonke ngoko ndatsho ndazithemba. Kamva, zathi shwaka ezo ntloni. Ubuvulindllela babundifundisa ukuba ndithembele ngoYehova, ibe loo nto yandenza ndayeka ukoyika ukuya kukhonza kwelinye ilizwe. Ndamenywa nangomnye udade ongatshatanga owayengumthunywa wevangeli eJapan kangangeminyaka engaphezu kwe-30 ukuba ndiye kushumayela khona kangangeenyanga ezintathu. Ukusebenza naye kwandenza ndanomdla ngakumbi wokufudukela kwelinye ilizwe.” Ngo-1986, uWendy wafudukela eVanuatu, ilizwe elibunjwa ziziqithi elikumgama omalunga neekhilomitha eziyi-1 770 kwimpuma yeOstreliya.

UWendy useseVanuatu, ukhonza kwiofisi yokuguqulela. Uthi: “Ndivuya nyhani ukubona indlela amaqela namabandla asekwa ngayo kwiindawo ezisemagqagaleni. Ukuncedisa kulo msebenzi kaYehova kwezi ziqithi liwonga elikhulu.”

UKumiko (ophakathi)

UKumiko, ngoku oneminyaka eyi-65, wayenguvulindlela othe ngxi eJapan xa omnye uvulindlela awayeshumayela naye wathi mabafudukele eNepal. Uthi: “Wayendicenga qho, kodwa ndandingavumi. Ndandinexhala lokufunda ulwimi olutsha nelokuqhelana nendawo entsha. Ndandingenayo nemali yokufudukela kwelinye ilizwe. Ndisacinga njalo ukuba ndiza kuthini, ndafumana ingozi yesithuthuthu ndaya kulala esibhedlele. Ndathi ndilapho, ndacinga: ‘Andazi ukuba lindiphathele ntoni ingomso. Ndisenokugula kakhulu ndize ndingaphinde ndikwazi ukuba nguvulindlela kwelinye ilizwe. Bendingenakukhonza kwilizwe lasemzini nokuba ngunyaka nje omnye?’ Ndathandaza qho kuYehova ndicela andincede ukuba ndide ndihambe.” Emva kokuba ephumile esibhedlele, uKumiko watyelela eNepal, waza kamva wafudukela khona kunye novulindlela awayeshumayela naye.

Xa ecinga ngeminyaka ephantse yalishumi ekhonza eNepal, uKumiko uthi: “La miqobo yayikade ixabe phambi kwam, yavela yashenxa oku kwamanzi oLwandle Olubomvu. Ndivuya nyhani kuba ndiye ndaya kukhonza apho kukho imfuneko engakumbi. Yinto eqhelekileyo ukuba ndithi xa ndishumayela emzini, kufike abamelwane abahlanu okanye abathandathu beze kumamela. Nabantwana abancinci aba bembala baye bacele amaphecana athetha ngeBhayibhile. Ndiyakuthanda ukushumayela kule ntsimi inabantu abanomdla kangaka.”

UKUMELANA NEENGXAKI

Akumangalisi ukuba aba dade bangatshatanga banesibindi sidlane indlebe nabo beye badibana neengxaki. Baye bathini?

UDiane

UDiane waseKhanada uthi: “Ekuqaleni, kwakunzima ukuba kude nentsapho yam.” Ngoku uneminyaka eyi-62, ibe ukhonze eIvory Coast (ngoku eyiCôte d’Ivoire) iminyaka eyi-20. “Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andincede ndibathande abantu balapho. Omnye wabahlohli eGiliyadi, uMzalwan’ uJack Redford, wathi zisenokusiphazamisa zize zisothuse iimeko zeendawo esabelwe kuzo, ingakumbi ukubona abantu behlupheka. Kodwa wathi: ‘Sanukujonga ukuhlupheka kwabo. Bajongeni ebusweni nasemehlweni. Jongani indlela abavakalelwa ngayo xa besiva inyaniso.’ Ndenza kanye loo nto ibe ndasikelelwa ngokwenene! Xa ndixelela abanye umyalezo othuthuzelayo woBukumkani, ndandiye ndibabone apha ebusweni besiba nethemba.” Yintoni enye eyanceda uDiane waqhelana nokukhonza kwelinye ilizwe? “Kwizifundo zam zeBhayibhile ndaba ngumhlobo, ndaza ndavuya kakhulu xa zazisiba ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo. Indawo endandishumayela kuyo yaba likhaya lam. Njengokuba uYesu wathembisayo, ndifumene oomama nootata, abantakwethu noodadewethu.”Marko 10:29, 30.

UAnne, ngoku oneminyaka eyi-46 ukhonza kwelinye ilizwe laseAsia apho umsebenzi wokushumayela ubekelwe imiqathango. Uthi: “Kwiminyaka endiye ndakhonza ngayo kumazwe asemzini, ndiye ndahlala noodade abaneemvelaphi nobuntu obahluke kakhulu kobam. Loo nto yayibangela ukuba ngamanye amaxesha sixabane yaye sivisane kabuhlungu. Xa oko kusenzeka, ndandizama ukusondela ngakumbi kubo ukuze ndiyazi ngcono indlela abenza ngayo izinto. Ndiye ndazama ukubathanda ngakumbi nokubacingela. Imiphumo iye yamihle kakhulu kuba ndinabahlobo endibathanda nyhani nabandinceda ndikwazi ukunyamezela esabelweni sam.”

U-Ute

Ngo-1993, u-Ute waseJamani, ngoku oneminyaka eyi-53, wabelwa ukuba abe ngumthunywa wevangeli eMadagascar. Uthi: “Ekuqaleni, kwakunzima ukufunda ulwimi lwalapho, ukuqhelana nemozulu eshushu, ukuphathwa sisifo sengcongconi, iiamoeba neentshulube. Kodwa baninzi abantu abandincedayo. Oodade balapho, abantwana babo kunye nezifundo zam zeBhayibhile zandiceda ndalufunda ulwimi lwalapho. Udade endandishumayela naye, ongumthunywa wevangeli wayendonga xa ndigula. Kodwa oyena mntu wandincedayo nguYehova. Ndandisoloko ndithandaza kuye ndimxelela onke amaxhala am. Emva koko ndandiye ndilinde ukuba imithandazo yam iphendulwe, ngamanye amaxesha kudlule iintsuku okanye iinyanga. Ayikho ingxaki eyamoyisayo uYehova.” Ngoku u-Ute uneminyaka eyi-23 ekhonza eMadagascar.

BASIKELELWE KAKHULU

Njengabanye abakhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi, oodade abangatshatanga abakhonza kumazwe asemzini bathetha intw’ enye yokuba ubomi babo bungcono ngoku. Baye basikelelwa ngantoni?

UHeidi

UHeidi, waseJamani, ngoku oneminyaka eyi-73, ebengumthunywa wevangeli eIvory Coast (ngoku eyiCôte d’Ivoire) ukususela ngo-1968. Uthi: “Akukho nto indivuyisa njengokubona abantu endibafundise iBhayibhile ‘behamba enyanisweni.’ Abanye babantu endandibafundela iBhayibhile, ngoku bangoovulindlela nabadala. Abaninzi bandibiza Mama okanye Makhulu. Omnye umdala nomkakhe nabantwana babo sebendijonga njengelungu lentsapho yabo. Ngoko, uYehova undiphe unyana, umolokazana nabazukulwana abathathu.”3 Yoh. 4.

UKaren (ophakathi)

UKaren waseKhanada, ngoku oneminya eyi-72, ukhonze eNtshona Afrika iminyaka engaphezu kweyi-20. Uthi: “Ukuba ngumthunywa wevangeli kundifundise ukuzincama, ukuthanda abantu nomonde. Ukusebenza nabantu beentlanga ezininzi kundivule ingqondo. Ndifunde ukuba zininzi iindlela zokwenza izinto. Ndisikelelwe ngabahlobo abasehlabathini lonke! Ubomi bethu nezabelo zethu zitshintshile kodwa ubuhlobo bethu bona busenjengakuqala.”

UMargaret waseNgilani, ngoku oneminyaka eyi-79 ebengumthunywa wevangeli eLaos. Uthi: “Ukukhonza kwilizwe lasemzini kundenze ndazibonela ngokwam indlela uYehova abatsalela ngayo abantu beentlanga neemvelaphi ezahlukahlukeneyo kwintlangano yakhe. Oko kuye kwaluqinisa ukholo lwam. Kundenza ndingathandabuzi nakancinane ukuba nguYehova owalathisa intlangano yakhe nokuba iinjongo zakhe ziza kwenzeka.”

Oodade abangatshatanga abakhonza kumazwe asemzini bazenzele igama elihle enkonzweni kaThixo. Intle nyhani into abayenzayo. (ABagwe. 11:40) Kuyavuyisa ukubona inani labo lisanda. (INdu. 68:11) Ngaba wena awunakukwazi ukuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze nawe ulandele umzekelo waba dade bakhutheleyo esidlane indlebe nabo kweli nqaku? Ukuba wenjenjalo, ngokuqinisekileyo uya ‘kungcamla uze ubone ukuba uYehova ulungile.’INdu. 34:8.