Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuba negama elihle okanye ukuduma kakuhle kukwenza uthenjwe futhi uhlonitshwe ngabantu.

‘Igama Elihle Lilungile Kunobutyebi Obuninzi’

‘Igama Elihle Lilungile Kunobutyebi Obuninzi’

UKUBA negama elihle okanye ukuduma kakuhle kubaluleke kakhulu kangangokuba kwamanye amazwe kude kubekho imithetho yokulikhusela. Le mithetho ikhusela ukungcoliswa kwegama lomntu kumaphephandaba, kwiirediyo neeTV, nokunyeliswa kwalo ngabantu xa bencokola. Oku kusikhumbuza amazwi abhalwa kudala athi: “Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi; ubabalo [ukuhlonitshwa] lulunge ngakumbi kunesilivere negolide.” (IMizekeliso 22:1) Singenza njani ukuze sibe negama elihle futhi sihlonitshwe ngabantu? IBhayibhile inawona macebiso anokusinceda.

Umzekelo, khawucinge ngoko kuthethwa yiBhayibhile kwiNdumiso 15. Ephendula umbuzo othi: “Ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho [Thixo]?” umdumisi wabhala wathi: ‘Ngulowo uqhelisela ubulungisa yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe. Akanyelisi. Kwiqabane lakhe akenzi nto imbi yaye lowo usenyongweni kuye akamngcikivi. Uyamgatya nabani na odelekileyo. Ufunga angajiki nokuba kubi kuye. Yaye akakuthabathi ukunyotywa.’ (INdumiso 15:1-5) Ngokuzenzekelayo umntu ophila ngale migaqo uyamhlonipha.

Olunye uphawu olwenza umntu ahlonitshwe kukuthobeka. IMizekeliso 15:33 ithi: “Ngaphambi kozuko kukho intobeko.” Cinga ngale nto: Umntu othobekileyo uyayibona into ekufuneka ayilungise kuye aze enze konke okusemandleni akhe ukuze ilunge. Ukulungele nokucela uxolo xa eye wakhathaza omnye umntu. (Yakobi 3:2) Kodwa umntu onekratshi yena uyakhawuleza ukucaphuka. IMizekeliso 16:18 ithi: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.”

Uza kuthini ke xa umntu engcolisa igama lakho elihle? Ngaba ufanele ukhawuleze uye kuye ngomsindo? Khawuzibuze, ‘Ukuba ndizama ukuzithethelela, andinakwenza obu buxoki bugcwale yonk’ indawo?’ Nakuba ngamany’ amaxesha kufanelekile ukuyidlulisela kwabomthetho loo nto, iBhayibhile ineli cebiso lobulumko: “Musa ukungxama ngokuya kuchophela ityala.” Endaweni yoko, khaniqale niyithethe “nedlelane lakho” le nto. (IMizekeliso 25:8, 9) * Ukuyilungisa ngale ndlela, nizolile, kungakunceda ungachithi imali kwezomthetho.

IBhayibhile asiyoncwadi nje yonqulo. Yincwadi onokuyithemba enokukukhokela ebomini. Bonke abantu abasebenzisa ubulumko bayo baba neempawu ezibenza bahlonitshwe futhi babe negama elihle.

^ isiqe. 5 Eminye imigaqo yeBhayibhile yokulungisa iingxaki ifumaneka kuMateyu 5:23, 24; 18:15-17.