Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Iimfazwe

Iimfazwe

AmaSirayeli akudala ayesilwa iimfazwe egameni loThixo wawo uYehova. Ngaba le nto ithetha ukuba iimfazwe eziliwayo kule mihla zivunyelwa nguThixo?

Kwakutheni ukuze amaSirayeli akudala alwe iimfazwe?

OKUTHETHWA NGABANYE ABANTU

 

AmaSirayeli ayenqula “uthixo wesizwe sawo” owayesoloko enxanelwe igazi.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

 

Iintlanga ezoyiswa ngamaSirayeli zazonakele, zinobundlobongela kwaye zisenza izinto ezimbi ezinjengokulalana kwabantu abazalanayo, ukulala nezilwanyana nokubingelela ngabantwana. Emva kokuba uThixo ezinike ixesha elide lokuba zitshintshe ezo ndlela zimbi, wathi: “Zizenze azahlambuluka ngazo ezi zinto zonke iintlanga endizigxothayo phambi kwenu.”​—Levitikus 18:21-25; Yeremiya 7:31.

“Kungenxa yobungendawo bezi ntlanga le nto uYehova uThixo wakho azigxothayo phambi kwakho.”—Duteronomi 9:5.

Ngaba uThixo uthath’ icala kwiimfazwe eziliwa kule mihla?

MHLAWUMBI UQAPHELE

 

Kwiimfazwe ezininzi eziliwayo, kwiqela ngalinye inkokeli yonqulo ithi uThixo ungakwicala layo. Incwadi ethi The Causes of War ithi: “Kuzo zonke iimfazwe ezakha zaliwa, kuhlala kukho abantu bonqulo.”

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

 

AmaKristu awavumelekanga ukuba alwe neentshaba zawo. Umpostile uPawulos wabhalela amanye amaKristu esithi: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela.”—Roma 12:18, 19.

UYesu akazange abathumele emfazweni abalandeli bakhe, kodwa wathi kubo: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo, ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:44, 45) Kwanaxa isizwe sawo sisiya emfazweni, amaKristu awamele athathe cala kuba ‘awayonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19) Ukuba uThixo ufuna abanquli bakhe bazo zonke iintlanga bathande iintshaba zabo baze bahlale bohlukile ehlabathini, sitsho njani ukuba xa kusiliwa unecala alixhasayo?

“Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi. Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa ukuze ndinganikelwa kumaYuda. Kodwa ubukumkani bam abusuki kulo mthombo.”—Yohane 18:36.

Ngaba iimfazwe ziya kuze ziphele?

OKUTHETHWA NGABANYE ABANTU

 

Iimfazwe soze ziphele. Incwadi ethi War and Power in the 21st Century ithi: “Iimfazwe soze ziphele.” Akukho kwanto ebonisa ukuba kungaze kubekho uxolo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

 

Iimfazwe ziya kuphela xa kungekho mntu ucinga ngokulwa. Kungekudala, uBukumkani BukaThixo, oko kukuthi urhulumente olawula usezulwini, uya kuphelisa zonke izixhobo zokulwa aze afundise abantu indlela yokuhlalisana ngoxolo. IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba uThixo uza ‘kulungelelanisa imicimbi ngokuphathelele iintlanga ezinamandla ezikude. Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi. Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.’​—Mika 4:3.

IBhayibhile ifundisa ukuba xa kulawula uBukumkani BukaThixo, soze kuphinde kubekho oorhulumente abakhuphisanayo. Kuza kupheliswa imithetho ecinezela abanye nebangela ukuba abantu bavukele kunye nocalucalulo olubangela iintlanga zingavani. Zonke ezi zinto ziya kwenza ukuba singaze siphinde sizibone iimfazwe. UThixo usithembisa ngala mazwi: “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”​—Isaya 11:9.

“Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.”​—INdumiso 46:9.