Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IHLABATHI ELIGCWELE UBUBI

2 | Khusela Imali Yakho Nezinto Onazo

2 | Khusela Imali Yakho Nezinto Onazo

KUTHENI KUBALULEKILE?

Abantu abaninzi batsala nzima bezama ukufumana izinto abazidingayo. Okubuhlungu kukuba iingxaki ezikhoyo emhlabeni zisenokubenzela nzima nangakumbi. Ngoba?

  • Xa kukho iingxaki kwiindawo esihlala kuzo, izinto ezifana nokutya nendawo yokuhlala zibaduru kakhulu.

  • Iingxaki ezikhoyo zisenokwenza abantu balahlekelwe yimisebenzi okanye kunyanzeleke ukuba basebenzele imali encinci.

  • Iintlekele zisenokumosha amashishini abantu, amakhaya abo nezinye izinto abanazo. Le nto isenokwenza abaninzi babo bahlupheke.

Into Omele Uyazi

  • Ukuba uyisebenzisa kakuhle imali, uza kukwazi ukuzilungiselela xa kuvela ingxaki.

  • Hlala ukhumbula ukuba imali yakho, naleyo uyigcinileyo nezinto onazo zisenokuphela.

  • Kukho izinto ongenakukwazi ukuzithenga ngemali, njengolonwabo nentsapho emanyeneyo.

Into Onokuyenza Ngoku

IBhayibhile ithi: “Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:8.

Xa singabantu abonelayo siyonwaba xa sinazo izinto esizidingayo. Oku kubaluleke nangakumbi xa singenamali ingako.

Ukuze waneliseke, kufuneka ufunde ukungasebenzisi imali eninzi. Ukuba usebenzisa imali ongenayo, loo nto ingakwenza ube neengxaki ezininzi.