Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 3

Mfundise Ukuba Angatyhafi

Mfundise Ukuba Angatyhafi

KUTHETHA UKUTHINI UKUNGATYHAFI?

Umntu ongatyhafiyo akanikezeli xa kukho ingxaki okanye xa ephoxekile. Umntu ufunda xa ebethekile ukuba akamele atyhafe. Ngokomzekelo, xa umntwana efunda ukuhamba uyawa amaxesha amaninzi. Nomntu ke soze aphumelele engakhange abe neengxaki.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUMFUNDISA UKUBA ANGATYHAFI?

Abantwana abaninzi bayatyhafa xa ingenzeki into abayifunayo, xa beneengxaki okanye belungiswa. Abanye baye bayeke kwaloo nto. Nazi izinto abamele baziqonde:

Xa ufundisa umntwana ukuba angatyhafiswa ziingxaki, uza kukwazi ukujongana nazo naziphi na iingxaki ebomini.

UNGAMFUNDISA NJANI UKUBA ANGATYHAFI?

Xa engenzi kakuhle.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Kuba ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.”​—IMizekeliso 24:16.

Mncede umntwana wakho ayazi into eyingxaki nengeyongxaki kangako. Ngokomzekelo, yintoni anokuyenza xa engapasanga esikolweni? Usenokuthi: “Kucacile ukuba akho nto ndinokuze ndiyenze kakuhle!”

Ukuze angatyhafi, mncede acinge ngendlela anokuyilungisa ngayo loo nto kwixesha elizayo. Loo nto iza kumnceda akwazi ukulungisa iingxaki kunokuba anikezele.

Sukumlungiselela zonke iingxaki zakhe. Mncede azame ukuzilungisa ngokwakhe. Unokumbuza uthi: “Yintoni onokuyenza ukuze uyiqonde kakuhle le nto ubuyifundiswa?”

Xa kwenzeke into embi.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.”​—Yakobi 4:14.

Asinakuyazi into enokwenzeka kuthi ngomso. Umntu angasisityebi ngoku kuse engenayo nesenti, okanye umbone ephilile uve kusithiwa ulele ngandletyana nye. IBhayibhile ithi, “Ukukhawuleza asikokwababalekayo, idabi asilolabanamandla” kuba “bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”​—INtshumayeli 9:11.

Ufanele umkhusele umntwana wakho kuba ungumzali. Kodwa, soze ukwazi ukumkhusela kuyo yonk’ into.

Xa umntwana wakho esehlelwa zizinto ezimbi njengokuswelekelwa, mncede akwazi ukuzinyamezela. Ngale ndlela uya kube umfundisa ukuba akwazi xa emdala ukulungisa iingxaki, ezinjengokuphelelwa ngumsebenzi okanye ukuba neengxaki zemali. *

Xa umntwana elungiswa.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Phulaphula icebiso . . . ukuze ube nobulumko kamva.”​—IMizekeliso 19:20.

Umntu xa elungiswa akamele acinge ukuba akafunwa. Xa elungiswa uyancedwa ukuze ayiyeke loo nto ebeyenza.

Xa umfundisa ukuba avume xa elungiswa awuncedi yena qha, nawe uyazinceda. UJohn onabantwana uthi: “Ukuba uhlala ulungisa iingxaki zomntwana wakho, soze afunde. Uya kuhlala eneengxaki, ibe wena uya kuhlala uzilungisa ubomi bakho bonke. Ibuhlungu ke loo nto kumzali nakumntwana.”

Yintoni onokuyenza ukuze umntwana afunde kwinto ebelungiswa kuyo? Xa abelungiswa esikolweni okanye ngomnye umntu, sukumgxeka loo mntu ebemlungisa. Mbuze:

  • “Wenze ntoni wena?”

  • “Uza kuyilungisa njani loo nto?”

  • “Uza kwenza ntoni xa iphinde yenzeka?”

Xa umntwana elungiswa uza kuncedakala ngoku naxa emdala.

^ isiqe. 21 Ungafunda nenqaku elithi “Ukunceda Umntwana Wakho Anyamezele IntlungukwiMboniselo kaJulayi 1, 2008.