Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Oyiphatha Ngayo Intsapho Yakho Nabahlobo

Indlela Oyiphatha Ngayo Intsapho Yakho Nabahlobo

Kunzima kwabanye abantu ukuhlala besondelelene neentsapho kunye nabahlobo babo. Makhe sibone imigaqo yeBhayibhile enokukunceda usondelelane nabo.

UNGAZICINGELI WEDWA

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”—Filipi 2:4.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Ubuhlobo bethu nabanye buza kuqina ukuba sicinga ngokubenzela izinto kunokuba silindele ukuba ibe ngabo abenzela thina izinto. Ukuzicingela wedwa yenye yezinto ezibuphelisayo ubuhlobo. Umntu otshatileyo ozicingela yedwa kulula ukuba angathembeki aze athandane nomnye umntu. Enye into, akakho umntu ofuna ukuba ngumhlobo nomntu osoloko eqhayisa ngezinto anazo nazaziyo. Incwadi ethi The Road to Character ithi: “Umntu ozicingela yedwa uya kuhlala eneengxaki.”

IZINTO ONOKUZENZA:

  • Bancede abanye. Abahlobo abathandana nyhani bayathembana ibe bayancedana. Olunye uphando lubonisa ukuba abantu abanceda abanye abafane babe nestres ibe loo nto iye ibenze babone ukuba babalulekile kwabanye abantu.

  • Yiba novelwano. Ukuba novelwano kuthetha ukuzifaka ezihlangwini zomntu, uve intlungu ayivayo. Xa unovelwano soze uhlekise ngabanye kuba ufuna bakhathazeke.

    Umntu onovelwano akadikwa msinyane ngabanye. Loo nto ikunceda ungabi namkhethe uze ube nabahlobo abathetha iilwimi ezahlukeneyo nabasuka kwiindawo ezingafaniyo.

  • Ziphe ixesha lokuhlala nabantu. Ukuncokola nabanye kuza kukunceda ubazi bhetele. Ukuba ufuna ukuba nabahlobo, sukonqena ukuthetha nabo ngezinto abazithandayo okanye ezibalulekileyo kubo. Bamamele kakuhle. Zama ukuziqonda izinto abazithandayo noba wena awuzithandi. Olunye uphando luthi, “ukuncokola nabantu ngezinto ezibalulekileyo kuyonwabisa.”

BAKHETHE KAKUHLE ABAHLOBO

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”​—1 Korinte 15:33.

ITHETHA UKUTHINI LE NTO: Abahlobo onabo banokukunceda okanye bakumoshe. Abaphandi bathi, abahlobo bomntu banokuyitshintsha indlela azenza nazibona ngayo izinto. Ngokomzekelo, bathi, ukuba abahlobo bakho bayatshaya okanye baqhawula umtshato nawe usenokwenza ezo zinto.

INTO ONOKUYENZA: Khetha abahlobo ofuna ukufana nabo nabenza izinto ezintle. Ngokomzekelo, abahlobo bakho mayibe ngabantu abanovelwano, abanembeko, abanobubele nababathandayo abantu.

EMINYE IMIGAQO YEBHAYIBHILE

Bukela iividiyo ezithetha ngeBhayibhile ezenzelwe ukunceda abantu abatshatileyo, ulutsha nabantwana baphile ubomi obubhetele

SUKUTHETHA IZINTO EZIZA KUBAKHUBEKISA ABANYE.

“Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.”​—IMIZEKELISO 12:18.

YIBA NOBUBELE.

“Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa.”​—IMIZEKELISO 11:25.

BAPHATHE NGENDLELA OFUNA UKUPHATHWA NGAYO ABANYE.

“Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”​—MATEYU 7:12.