Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Njengoko kuchazwe kwincwadi kaYohane 11:35, kwakutheni ukuze uYesu alile ngaphambi kokuvusa uLazaro?

Yinto eqhelekileyo ukulila xa sifelwe kuba siza kumkhumbula loo mntu. Nakuba uYesu wayemthanda uLazaro, wayengaliliswa kukuba efile. Kunoko, wayenovelwano ngabo bafelweyo, njengoko umongo okule ncwadi kaYohane ubonisa.Yoh. 11:36.

Xa uYesu weva ukuba uLazaro uyagula, akazange aye kuye ngoko nangoko ukuze amphilise. Ingxelo ithi: “Akuva ukuba [uLazaro] uyagula, wahlala iintsuku ezimbini kwindawo awayekuyo.” (Yoh. 11:6) Kwakutheni ukuze uYesu alibazise? Wayenesizathu sokwenza oko. Wathi: “Esi sifo asiyi kuphelela ekufeni, kodwa kuzuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.” (Yoh. 11:4) Ukugula kukaLazaro kwakungazi “kuphelela” ekufeni. UYesu wayezimisele ukusebenzisa ukufa kukaLazaro ukuze ‘kuzukiswe uThixo.’ Njani? Kaloku uYesu wayeza kwenza ummangaliso ngokuvusa umhlobo wakhe engcwabeni.

Xa wayethetha nabafundi bakhe ngesi sihlandlo, uYesu wafanisa ukufa nokulala. Yiloo nto wathi kubafundi bakhe: “Ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse ebuthongweni.” (Yoh. 11:11) KuYesu, ukuvusa uLazaro kwakuza kufana nomzali ovusa umntwana oleleyo. Ngoko wayengenasizathu sakuba buhlungu ngokufa kukaLazaro.

Yintoni ke eyayimlilisa? Impendulo siyifumana kwakule ngxelo. Xa uYesu wabona uMariya udade boLazaro nabanye belila, naye “wagcuma emoyeni, wakhathazeka.” Ukubona intlungu ababekuyo kwenza uYesu waba buhlungu de ‘wagcuma emoyeni.’ Yiloo nto eyabangela ukuba ‘zithi waxa iinyembezi kuYesu.’ Ukubona izihlobo zakhe ezisenyongweni zisentlungwini elolo hlobo kwamxhela ngaphakathi uYesu.Yoh. 11:33, 35.

Oku kusibonisa ukuba uYesu unamandla okubuyisela abantu esibathandayo ebomini kwihlabathi elitsha. Kukwasibonisa ukuba uyavelana nabo baye bafelwa ngenxa yesono sika-Adam. Esinye isifundo esisifundayo koku, kukuba sifanele sibe novelwano kwabo bafelweyo.

UYesu wayesazi ukuba uza kumvusa uLazaro. Nakuba kunjalo, ngenxa yothando novelwano ngabahlobo bakhe, walila. Ngokufanayo, uvelwano lwethu lusenza ‘silile nabantu abalilayo.’ (Roma 12:15) Ukubonakalisa intlungu elolo hlobo akuthethi kuthi umntu akanalukholo kwithemba lovuko. Singenelwa kakhulu kumzekelo kaYesu wokubonisa uvelwano ngabafelweyo ngokulila nakuba wayeza kumvusa uLazaro.