Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intsomi 2: Aboni Batsha Esihogweni

Intsomi 2: Aboni Batsha Esihogweni

Yavela phi le ntsomi?

“Kuzo zonke izithandi zobulumko zamaGrike amandulo, uPlato ngoyena waba nempembelelo enamandla kwimfundiso yesiHogo.”—Histoire des enfers (The History of Hell), kaGeorges Minois iphepha 50.

“Ukususela ngenkulungwane yesi-2 Ngexesha Eliqhelekileyo, amaKristu awayefunde intanda bulumko yamaGrike aqalisa ukufakelela iimfundiso zayo xa echaza ukholo lwawo . . . Eyona mfundiso awayibona ifanelekile yayiyekaPlato.”—The New Encyclopædia Britannica (1988), Umqulu 25, kwiphepha 890.

“Imfundiso yeCawa iyakuqinisekisa ukuba isihogo sikho yaye siyakuhlala sikho kude kube ngunaphakade. Imiphefumlo yaboni iya esihogweni besakufa, apho igwetyelwa ‘ukutsha ngonaphakade.’ Ukutshiswa esihogweni kukwahlukaniswa noThixo ngonaphakade.”—Catechism of the Catholic Church, uhlelo lowe-1994, kwiphepha 270.

Ifundisa ntoni yona iBhayibhile?

“Kaloku bona abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kambe ke bona abafileyo abazi nto, . . . kuba kaloku akwenziwa nto, akucingwa, kungekho lwazi nakulumka engcwabeni apho wena uya khona.”—INtshumayeli 9:5, 10 iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Ezinye iiBhayibhile ziliguqulela ngokuthi “isihogo” igama lesiHebhere uSheol elalithetha “indawo yabafileyo.” Kodwa ke zisifundisa ntoni ezi vesi sizicaphule ngasentla ngemeko yabafileyo? Ngaba bayatsha engcwabeni ukuze bahlawule ngenxa yezono zabo? Akunjalo kuba “abazi nto.” Yiloo nto eyenza usolusapho uYobhi wabongoza uThixo xa wayesezintlungwini ngenxa yokugula okubuhlungu, esithi: “Akwaba ubungandifihla esihogweni [ngesiHebhere Sheol].” (Yobhi 14:13; Douay-Rheims Version) Sasiza kumnceda ngantoni isicelo sakhe sokuba aye eSheol ukuba leyo ibiyindawo abathuthunjiswa ngonaphakade kuyo abantu? NgokweBhayibhile, isihogo lingcwaba nje eliqhelekileyo, ekungenziwa nto kulo.

Ingaba le ndlela esichazwa ngayo isihogo apha ayicacanga ngakumbi yaye ayivumelani neZibhalo? Sisiphi isono, enoba sibi kangakanani, ebesinokwenza uThixo onothando athuthumbise umntu ngonaphakade? (1 Yohane 4:8) Ukuba isihogo somlilo yindawo yasentsomini, ngaba nezulu yindawo yasentsomini?

Funda ezi vesi zeBhayibhile zilandelayo: INdumiso 146:3, 4; IZenzo 2:25-27; Roma 6:7, 23

INYANISO:

UThixo akabatshisi esihogweni abantu