Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Babengoobani “abendlu kaKesare” abacela uPawulos ukuba ababulisele kumaKristu aseFilipi?

Umpostile uPawulos wabhalela ibandla laseFilipi eseRoma malunga nowama-60 ukusa kowama-61 C.E., uKesare awayethetha ngaye yayinguNero. Kodwa yayingubani kwindlu kaNero owayenokubulisa amaKristu aseFilipi?—Filipi 4:22.

Ibiya kuba yimpazamo ukucinga ukuba ibinzana elithi “abendlu kaKesare” libhekisela kwizalamane zakhe. Kunoko, liquka bonke abantu, amakhoboka nabantu abakhululekileyo eRoma nakumaphondo ayo. Ngaloo ndlela “abendlu kaKesare” babeya kuquka amawaka ezicaka. Zaziya kwenza imisebenzi eyahlukeneyo emzini kaKesare njengokongamela okanye ukuba sisicaka ebhotwe, imihlaba nezinye izindlu zakhe. Ezinye zazincedisa eburhulumenteni.

Kubonakala ukuba ezinye zezi zicaka zaba ngamaKristu. Akwaziwa enokuba oko kwakubangelwa kukushumayela kukaPawulos eRoma okanye akunjalo. Enokuba kuyintoni, babenomdla kakhulu kwibandla laseFilipi. Ekubeni iFilipi yayilithanga laseRoma ekwakuhlala kulo amajoni amaninzi adla umhlala-phantsi nezicaka zikarhulumente, kunokwenzeka ukuba amanye amaKristu alapho ayengabahlobo nabo babethumela imibuliso ngoPawulos.

Wawuyintoni umtshato wongeno ekuthethwa ngawo kuMthetho kaMoses?

KuSirayeli wamandulo, ukuba indoda ibhubha ingenanyana, kwakulindeleke ukuba umntakwayo atshate umhlolokazi wayo ukuze avelise abantwana abaya kuqhubeka nomlibo wayo. (Genesis 38:8) Kamva esi sithethe saqukwa kuMthetho kaMoses, sasisaziwa ngokuba ngumtshato wongeno. (Duteronomi 25:5, 6) Into eyenziwa nguBhohazi, ekuthethwa ngayo kwincwadi kaRute, ibonisa ukuba olu xanduva lwaluba semagxeni esalamane somfi ukuba abantakwayo babengasaphili.—Rute 1:3, 4; 2:19, 20; 4:1-6.

Kuyabonakala ukuba sasisaqhubeka esi sithethe xa wayelapha emhlabeni uYesu kuba abaSadusi babhekisela kuso, ngokukaMarko 12:20-22. Umbhali-mbali womYuda wenkulungwane yokuqala uFlavius Josephus uthi esi sithethe sasingancedi kuphela ekugcineni igama laloo ndoda kodwa izinto zaloo ndoda zaziphinda zincede umhlolokazi wakhe. Ngaloo mihla umfazi wayengenalo igunya lokufumana ilifa lendoda yakhe. Noko ke, umntwana ozelwe kumtshato wongeno wayenokulifumana ilifa lale ndoda ingasekhoyo.

UMthetho wawuvuma ukuba umntu ale ukutshata umhlolokazi womntakwabo. Kodwa ke, ukwala kwendoda ‘ukwakha indlu yomntakwayo’ kwakujongwa njengehlazo.—Duteronomi 25:7-10; Rute 4:7, 8.