Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO: Ngaba Umele Uzithembe Iicawa?

Isizathu Sokuba Uhlole Iicawa?

Isizathu Sokuba Uhlole Iicawa?

Masithi kufuneka wenze utyando ukuze uphile kwisigulo esisongela ubomi bakho. Bekuza kufuneka umthembe loo gqirha uza kukutyanda, ngoba ubomi bakho busezandleni zakhe. Ngaba ayibobulumko ukuhlola indlela ebesebenza ngayo ngaphambili?

Ngendlela efanayo, bubulumko ukuhlolisisa iicawa ngolo hlobo. Ukuba kukho icawa oyihambayo, kufana nokungathi ukholo lwakho ulubeka ezandleni zayo. Ngoko usindiso lwakho luxhomekeke kuyo.

UYesu wasichazela indlela yokuzihlolisisa kakuhle iicawa. Wathi: ‘mthi ngamnye waziwa ngesiqhamo sawo.’ (Luka 6:44) Ngokomzekelo xa ujonga inkonzo ethile, yintoni eyiphumezayo? Ngaba iinkokeli zayo zithanda imali? Ngaba amalungu ayo alandela oko kubhalwe eBhayibhileni ngokuphathelele iimfazwe kunye nendlela entle yokuziphatha? Okokugqibela ngaba ikhona inkonzo esinokuyithemba? Khawuve ukuba athini la manqaku alandelayo.

‘Mthi ngamnye waziwa ngesiqhamo sawo.’Luka 6:44