Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Kukho Iintlungu Ezingaka?

Kutheni Kukho Iintlungu Ezingaka?

Ukuze siqonde isizathu sokuba abantu besezintlungwini ezingaka nokuba bengakwazi ukuziphelisa, kufuneka sazi oyena nobangela wazo. Ekubeni ezi ntlungu zibangelwa zizinto ezahlukahlukeneyo nekunzima ukuziqonda, iBhayibhile iyasinceda sazi izizathu zokuba zenzeke. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintlanu, ezingabona nobangela bezi ntlungu. Nceda uhlolisise oko iBhayibhile ikufundisayo nendlela iLizwi likaThixo elisinceda ngayo siqonde oyena nobangela wale ngxaki.2 Timoti 3:16.

IMIPHUMO YOLAWULO OLONAKELEYO

IBhayibhile ithi: “Xa kulawula ongendawo, abantu bayancwina.”IMizekeliso 29:2.

Ukutyhubela imbali bekusoloko kukho oozwilakhe abaye balawula abantu ngegqudu baza babangela inkxwaleko engathethekiyo. Kakade ke, asingabo bonke abalawuli abanjalo. Abanye basenokuba neenjongo ezintle zokunceda abantu. Noko ke, xa sele belawula, zonke ezo njongo aziphumeleli ngenxa yeengxabano nokruthakruthwano ngezikhundla. Owayesakuba Ngumphathiswa Wezangaphandle eUnited States, uHenry Kissinger wathi: “Imbali ineenzame ezininzi ezawela phantsi namabhongo angakhange aneliswe.”

Kwakhona iBhayibhile ithi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Abantu abangafezekanga abanabo ubulumko bokusingatha imicimbi ngendlela ephumelelayo. Ukuba abakwazi ukwalathisa amanyathelo abo, banokukwazi njani ukwalathisa awesizwe? Uyasibona ke isizathu sokuba oorhulumente bangakwazi ukuphelisa iintlungu ezikhoyo? Phofu amaxesha amaninzi ngurhulumente okanye ulawulo olonakeleyo oluzisa iintlungu!

IMPEMBELELO YONQULO LOBUXOKI

UYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”Yohane 13:35.

Iinkokeli zonqulo zalo naluphi na uhlelo zishumayela uthando nomanyano. Inyaniso kukuba, azikwazanga ukufundisa abalandeli bazo ukuba nothando olunokuphelisa umkhethe. Kunokuba zibancede abantu babe nothando, iicawa zisoloko zifak’ isandla kwiyantlukwano neembambano kubantu beentlanga ezahlukahlukeneyo. Xa wayequkumbela incwadi yakhe ethi ­Christianity and the World Religions, umfundisi uHans Küng wathi: “Iicawa ziye zatshotsh’ entla kwawona madabi epolitiki akhohlakeleyo sikhe ­sawabona.”

 Ukongezelela, abefundisi beecawa ezininzi baye bakuqhwabela izandla ukulalana kwabantu abangatshatanga, ukukrexeza nobufanasini. Le ndlela yokuziphatha iye yangunobangela wokusasazeka kwezifo, ukuqhomfa, ukukhulelwa okungacetywanga, ukuqhawuka kwemitshato nezinye iintlungu.

UKUNGAFEZEKI NOKUNYOLUKA

“Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono.”Yakobi 1:14, 15.

Ngenxa yokuba singafezekanga, sonke siyazenza iimpazamo yaye kufuneka silwe nomnqweno ‘wezinto ezithandwa yinyama.’ (Efese 2:3) Kuba nzima ukuzibamba ungayenzi into embi, ingakumbi xa kuvela ithuba lokuyenza. Xa singakwazi ukuzinqanda ekwenzeni okubi, oko kunokubangela intlungu kamva.

Umbhali uP. D. Mehta wabhala wathi: “Intlungu eninzi ibangelwa yinkanuko, ukuthanda kwethu ulonwabo nokuzifica ngokugqithiseleyo, ukunyoluka namabhongo.” Iminqweno engalawulekiyo nokukhotyokiswa zizinto ezinjengotywala, iziyobisi, ukungcakaza, isondo neminye, iye yawisa abantu ababehlonelwa ibe oko kuye kwazisa intlungu kwiintsapho, izihlobo nakwabanye abantu. Inyanisile iBhayibhile xa isithi ngabantu abangafezekanga: “Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”Roma 8:22.

AMANDLA OOMOYA ABAMDAKA

IBhayibhile ithi nguSathana “uthixo wale nkqubo yezinto” yaye uncediswa ngoomoya abamdaka ekuthiwa ziidemon.2 Korinte 4:4; ISityhilelo 12:9.

NjengoSathana, iidemon ziyabalawula abantu yaye ziyabalahlekisa. Wayekuqonda oku umpostile uPawulos xa wathi: “Sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.”Efese 6:12.

Nangona iidemon zizonwabisa ngokuhlupha abantu, eyona nto ziyifunayo kukwahlukanisa abantu nOyena Thixo Uphakamileyo, uYehova. (INdumiso 83:18) Ezinye zezinto ezisetyenziswa ziidemon ukuze zilahlekise abantu, kukuvumisa ngeenkwenkwezi, umlingo, ubugqwirha nokuxela ithamsanqa. Yiyo loo nto uYehova esilumkisa ngezi ngozi yaye ebakhusela bonke abo bamchasayo uSathana needemon zakhe.Yakobi 4:7.

SIPHILA ‘KWIMIHLA YOKUGQIBELA’

Kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, iBhayibhile yaprofeta yathi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.”

Ithetha ngezinto ezibangela ukuba le mihla ibe nzima, ithi: “Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, . . . abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” Ngoko oyena nobangela wezi ntlungu kukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’2 Timoti 3:1-4.

Emva kwezi zibakala sithethe ngazo, asizicacelanga na isizathu sokuba abantu bengakwazi ukuziphelisa iingxaki ezikhoyo nakubeni beneenjongo ezintle zokunceda? Ngoko sinokulufumana phi uncedo? Sinokulufumana kuMdali wethu, othembise ukuba ‘uza kuyichitha imisebenzi kaMtyholi’ nabo bamlandelayo. (1 Yohane 3:8) Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngoko uThixo aza kukwenza ukuze aphelise zonke izinto ezibangela iintlungu.