Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Liyintoni ikamva labantu?

Ukufa kukaYesu kuza kubanceda njani abantu bakhathalelane?

Ngokungathandabuzekiyo uluntu luza kuqhubeka luphucuka kwizinto zesayensi. Kodwa, ngaba lungaze lukwazi ukwenza abantu bakhathalelane ngokwenene? Unotshe. Namhlanje ihlabathi lizaliswe kukuzingca nokubawa. Sekunjalo, uThixo unenjongo entle ngabantu.—Funda eyesi-2 kaPetros 3:13.

ILizwi likaThixo lithi ngeny’ imini abantu emhlabeni wonke baza kuthandana, bakhuseleke, ibe akukho mntu uya kubenzakalisa.—Funda uMika 4:3, 4.

Kuya kupheliswa njani ukuzingca?

UThixo akazange abadale abantu bezingca. Kodwa ngokukhetha ukungamthobeli uThixo, umntu wokuqala waphulukana nemfezeko. Ngoko nguye owasosulela ngomkhwa wokuzingca. Noko ke, uThixo uza kusebenzisa uYesu ukwenza abantu baphinde bafezeke.—Funda abaseRoma 7:21, 24, 25.

Ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo, uYesu wafa njengombingelelo elungisa umonakalo owabangelwa kukungathobeli kuka-Adam. (Roma 5:19) Ngoko ke uYesu wasivulela ithuba lekamva elimangalisayo apho uluntu luya kukhululeka kwimikhwa emibi ebangelwa kukuzingca.—Funda iNdumiso 37:9-11.