Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 1

Thembelani KuThixo Ukuze Nonwabe Emtshatweni

Thembelani KuThixo Ukuze Nonwabe Emtshatweni

“Lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa.”—Mateyu 19:4

NguYehova * uThixo ngenkqu owenza umtshato wokuqala. IBhayibhile isixelela ukuba wenza umfazi wokuqala waza “wamzisa endodeni.” UAdam wayonwabe kakhulu kangangokuba wathi: “Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam.” (Genesis 2:22, 23) UYehova nangoku usafuna abantu abatshatileyo bonwabe.

Xa utshata usenokucinga ukuba zonke izinto ziza kukuhambela kakuhle. Enyanisweni, indoda nomfazi bangathandana, kodwa ziza kubakho iingxaki ezithile abaza kuba nazo. (1 Korinte 7:28) Kule ncwadana, uza kufumana imigaqo yeBhayibhile onokuthi xa uyisebenzisa ikwenze wena nentsapho yakho nonwabe emtshatweni.—INdumiso 19:8-11.

1 YAMKELE IMBOPHELEKO YAKHO OYINIKWE NGUYEHOVA

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: Indoda yintloko yentsapho.—Efese 5:23.

Ukuba uyindoda, uYehova ulindele ukuba umkhathalele umfazi wakho. (1 Petros 3:7) Wamenza wangumphelelisi wakho yaye ufuna umphathe ngembeko nothando. (Genesis 2:18) Ngoko ufanele umthande umfazi wakho ukusa kwinqanaba lokuba iminqweno yakhe uyibeke kwindawo yokuqala.—Efese 5:25-29.

Ukuba ungumfazi, uYehova ulindele ukuba uyihloniphe ngokunzulu indoda yakho uze uyixhase iphumeze imbopheleleko yayo. (1 Korinte 11:3; Efese 5:33) Yima nendoda yakho kwizigqibo ezithathayo uze usebenzisane nayo maxesha onke. (Kolose 3:18) Xa usenza loo nto, uya kuthandwa yindoda yakho nanguYehova.—1 Petros 3:1-6.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Buza iqabane lakho ukuba unokuba nguye njani umfazi okanye indoda ebhetele. Phulaphula, uze uzame ukuphucula

  • Yiba nomonde. Kuya kuthath’ ixesha ngani ukufunda iindlela zokonwabisana

2 ZIKHATHALELE IIMVAKALELO ZEQABANE LAKHO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: Ufanele uyikhathalele iminqweno yeqabane lakho lomtshato. (Filipi 2:3, 4) Lixabise iqabane lakho, ukhumbule ukuba uYehova ufuna abakhonzi bakhe ‘bathantamise kubo bonke.’ (2 Timoti 2:24) “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.” Ngoko cinga ngaphambi kokuba uthethe. (IMizekeliso 12:18) Umoya kaYehova uya kukunceda uthethe ngobubele nangothando.—Galati 5:22, 23; Kolose 4:6.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Thandazela uncedo lokuhlala uzolile uze ukwazi ukwamkela iimbono zeqabane lakho xa niza kuthetha ngezidl’ umzi

  • Cinga ngento oza kuyithetha nendlela oza kuyitsho ngayo

3 CINGANI NTONYE

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: Xa utshata, uba “nyama-nye” neqabane lakho. (Mateyu 19:5) Kodwa ke nisengabantu abohlukeneyo yaye anicingi ngokufanayo. Ngoko kuza kufuneka nifunde ukucinga ntonye. (Filipi 2:2) Umanyano lubalulekile xa nisenza izigqibo. IBhayibhile ithi: “Amacebo ayamiselwa ngokuqinileyo ngengcebiswano.” (IMizekeliso 20:18) Vumelani iBhayibhile inikhokele xa nisenza izigqibo ezibalulekileyo.—IMizekeliso 8:32, 33.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Lichazele iqabane lakho indlela ovakalelwa ngayo kungekuphela nje kolwazi neembono

  • Lazise iqabane lakho xa unento oyicingayo

^ isiqe. 4 UYehova ligama likaThixo njengoko kubhaliwe eBhayibhileni.