Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 57

UYesu Uphilisa Intombi Nendoda Engevayo

UYesu Uphilisa Intombi Nendoda Engevayo

MATEYU 15:21-31 MARKO 7:24-37

  • UYESU UPHILISA INTOMBI YOMFAZI ONGUMFENIKE

  • UYESU UPHILISA INDODA ENGEVAYO NETHINTITHAYO

Emva kokuba uYesu egxeke abaFarisi abenza izithethe ezinemithetho ethandwa ngabo. Uyemka apho nabafundi bakhe. Uya kummandla waseTire naseSidon eseFenike, ngasemntla ntshona.

Ufumana indlu aza kuhlala kuyo kodwa akafuni abantu bayazi ukuba ulapho. Abantu bayamazi ukuba ulapho. Umfazi womGrike ozalelwe apha eFenike uza kuye amcenge aze athi: “Ndenzele inceba Nkosi, Nyana kaDavide. Intombi yam iphethwe kakubi yidemon.”​—Mateyu 15:22; Marko 7:26.

Ekuhambeni kwexesha abafundi bakaYesu bathi: “Mgxothe, kuba akayeki ukukhala apha emva kwethu.” UYesu ucacisa isizathu sokuba angamhoyi uthi: “Ndithunyelwe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli kuphela.” Kodwa lo mfazi uza kuye aze aqubude esithi: “Nkosi, ndincede!”​—Mateyu 15:23-25.

Ukuze abone ukholo lwalo mfazi uYesu usebenzisa indlela acinga ngayo amaYuda yokucalula ezinye iintlanga. Uthi: “Akulunganga ukuthatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.” (Mateyu 15:26) Xa ethetha ‘ngeenjana’ okanye amantshontsho ezinja, uYesu ubonisa ukuba uyabathanda abantu abangengomaYuda. Nobuso bakhe nendlela athetha ngayo zibonisa loo nto.

Endaweni yokuba akhubeke, lo mfazi uyaqonda ukuba uYesu ubhekisela kwinto yokuba amaYuda enomkhethe. Uyazithoba aze athi: “Kunjalo Nkosi, kodwa ke iinjana ziyazitya iimvuthuluka eziwa ezitafileni zabanikazi bazo.” UYesu uyabona ukuba lo mfazi ufuna nyhani ukuncedwa ibe uthobekile. Uthi: “Owu mfazi, lukhulu ukholo lwakho; mayenzeke le nto uyicelayo.” (Mateyu 15:27, 28) Kwenzeka kanye loo nto nangona lo mntwana uyintombi engekho phambi kukaYesu. Ukugoduka kwalo mfazi ufika intombi yakhe ileli ebhedini iphilile “idemon iphumile kuye.”​—Marko 7:30.

Xa uYesu nabafundi bakhe besimka eFenike, baya ngakuMlambo iYordan. Kubonakala ukuba banqumla iYordan pha ngasentla koLwandle LwaseGalili baze baye eDekapoli. Apho bayanyuka entabeni kodwa abantu bayabafumana. Bazisa kuYesu abantu abaqhwalelayo, abalimeleyo abangaboniyo nabangakwazi ukuthetha. Bababeka ezinyaweni zakhe aze abaphilise. Abantu bayamangaliswa baze bazukise uThixo kaSirayeli.

UYesu uhoya enye indoda engevayo nethintithayo. Usenokuyicinga indlela eziva ngayo le ndoda xa iphakathi kwabantu abaninzi. Mhlawumbi kuba uYesu ebona indlela eyoyika ngayo, uyayisusa apha phakathi kwabantu. Xa bebobabini uYesu uyibonisa into aza kuyenzela yona. Ufaka iminwe yakhe ezindlebeni zale ndoda, atshice aze emva koko abambe ulwimi lwayo. Ujonga ezulwini aze athi “Efatha,” othetha ukuthi, “Vuleka.” Ngoko nangoko le ndoda iyeva ize iqalise ukuthetha kakuhle. UYesu akafuni abantu bahambe beyithetha le nto ayenzileyo. Ufuna abantu bamkholelwe ngenxa yezinto abazibonileyo nabazive kuye.​—Marko 7:32-36.

Amandla kaYesu okuphilisa ‘abamangalisa kakhulu abantu’ ababukeleyo. Bathi: “Yonke imisebenzi yakhe mihle. Wenza kwanabantu abangevayo beve, nabangathethiyo bathethe.”​—Marko 7:37.