Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ILizwi Lakho Liya Kuhlala Likho

ILizwi Lakho Liya Kuhlala Likho
  1. 1. Bajonga phezulu

    Benentlonelo ngawe.

    Baza bakubulela

    Ngokubabonis’ uthando.

    Wabanik’ inyhweba,

    Yok’shumayela ngawe.

    Namhla sifunda ngabo.

    Sincedwa ngumzekelo wabo.

    Bakuthanda nyhani,

    Bevuyel’ ukukukhonza​—

    Wathi mababhale iLizwi,

    Lakho ze lihlale likho.

    (CHORUS)

    Lakuhlala likhona,

    Usifundisa ngalo.

    Oko likutshoyo kuyasihlaziya,

    Ndozenz’ iimfundiso zalo.

  2. 2. Oh, Zange iintshaba zikwazi,

    Ukukuthulisa.

    Abantu bakho bahlale

    Benokholo, bekukhonza.

    Xa kwayekiswa iBhayibhile,

    Babonisa isibindi.

    Babonis’ ukholo ibe ngenxa yoko,

    IBhayibhile isekhona.

    (CHORUS)

    Ngoko lakuhlala likhona,

    Usifundisa ngalo.

    Oko likutshoyo kuyasihlaziya,

    Ndozenz’ iimfundiso zalo.

  3. 3. ILizwi lakho liyakuchaza.

    Ukub’ unguYehova.

    Lakuhlala likho,

    Nabakhonzi bakho,

    Bakukhonze yonk’ imihla.

    (CHORUS)

    Ngoko lakuhlala likho,

    Usifundisa ngalo.

    Oko likutshoyo kuyasihlaziya,

    Ndozenz’ iimfundiso zalo,

    Ubomi bam bonke.