Yiya kwinkcazelo

Babekuvuyela Ukuyokunceda EGuyana

Babekuvuyela Ukuyokunceda EGuyana

 “Amazwi akanakuyichaza indlela ebesivuya ngayo xa sasikhonza kwindawo edinga abavakalisi abangakumbi!” La ngamazwi kaJoshua ohlala eMerika kodwa owakhonza eGuyana ixesha elide. AmaKristu amaninzi awayekhonza kule ndawo wayekhonza kuyo uJoshua, enabantu abafuna nyhani ukufunda ngoYehova, nawo aziva ngale ndlela. a Sinokufunda ntoni kwaba bazalwana? Ezi zinto sizifunda kubo zinokukunceda njani ukuba ufuna ukuyokushumayela kwindawo edinga abavakalisi abaninzi?

Bakhuthazwa Yintoni?

ULinel

 Ngaphambi kokuba aye eGuyana, umzalwana uLinel wayekuthanda ukushumayela kwintsimi engafane isetyenzwe, eMerika. Uthi: “Sasingabazalwana noodade abayi-20 abacelwa ukuba bayokushumayela eWest Virginia. Kwakumnandi ukushumayela apho kunye nabazalwana noodade iiveki ezimbini ibe kwabutshintsha ubomi bam! Ndaye ndazimisela ukwenza konke okusemandleni ukuze ndikhonze uYehova.”

UErica noGarth

 UGarth nenkosikazi yakhe uErica bacingisisa ngokuyokunceda kwindawo edinga abavakalisi abaninzi ibe bakhetha iGuyana. Kutheni? UErica uthi: “Mna nomyeni wam sabona indlela ababonwabe ngayo abanye abazalwana abatshatileyo ababeyokukhonza eGuyana ibe loo nto yabangela nathi sabawela ukuya khona.” UErica noGarth bakhonza eGuyana iminyaka emithathu ibe babonwabe nyhani! UGarth uthi: “Siye sazivela saza sazibonela ukuba ukukhonza kwindawo edinga abavakalisi abaninzi kulungile.” Ethubeni, yena nenkosikazi yakhe baya kwiSikolo saseGiliyadi ibe ngoku bakhonza eBolivia.

Abazalwana abakhonza kwamanye amazwe bayakuthanda ukuncokola ngeBhayibhile

Bazilungiselela Njani?

 Imigaqo yeBhayibhile isikhuthaza ukuba sibenze lula ubomi bethu. (Hebhere 13:5) Isikhuthaza nokuba sicele amacebiso xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo. (Luka 14:26-33) Naxa siza kwenza izigqibo ezifana nokuya kukhonza kwelinye ilizwe! UGarth uthi: “Ngaphambi kokuba mna noErica siye eGuyana, sabenza lula ubomi bethu. Sathengisa ishishini lethu, indlu yethu nezinye izinto ezingaphakathi kuyo. Yathatha iminyaka embalwa loo nto. Ngoxa sasilungiselela ukuya eGuyana sasimana ukuya khona qho ngonyaka, loo nto yasinceda sahlala sinomdla wokuya kukhonza khona.”

USinead noPaul

 Enye into ebalulekileyo kukucinga ngendlela yokuziphilisa. Abanye abazalwana abayakumazwe adinga abavakalisi abaninzi baye bakwazi ukuwufumana umsebenzi apho, ukuba umthetho uyabavumela. Abanye basebenzisa ikhompyutha ukuba benze laa msebenzi mnye bebewenza kwilizwe labo. Abanye baye bakhethe ukubuyela kwilizwe labo ixesha elithile ukuze bayokusebenza. UPaul nenkosikazi yakhe uSinead babebuyela eIreland kube kanye ngonyaka ukuze bayokusebenza. Ukwenza le nto, kwabanceda bakhonza eGuyana iminyaka eyi-18 neminye esixhenxe emva kokuba intombi yabo izelwe.

UChristopher noLorissa

 INdumiso 37:5 ithi: “Yiyekele kuYehova indlela yakho; Thembela ngaye, uza kukuxhasa.” UChristopher noLorissa baseMerika, babeqhubeka bethandazela ukuya kuncedisa kwindawo edinga abavakalisi abaninzi. Kunqulo lwentsapho babethetha ngezinto abanokuzenza ukuze bakwazi ukuya kukhonza kwelinye ilizwe. Babengafuni ukuya kwilizwe abaza kufika bafunde ulwimi olutsha, ngoko bakhetha iGuyana kuba abantu abaninzi apho bathetha isingesi.

 Emva koko benza kanye le nto ithethwa kwiMizekeliso 15:22: “Amacebo aphelela emoyeni xa kungacetyiswana, Kodwa ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.” Babhalela iofisi yesebe ehoye umsebenzi wokushumayela waseGuyana b ibe bachaza ukuba bayafumaneka. Kwangaxeshanye baye babuza ngeendawo zonyango zalapho, imozulu nendlela ekwenziwa ngayo izinto. Iofisi yesebe yayiphendula imibuzo yabo ibe yabadibanisa nabadala bapha.

 ULinel esikhe sathetha ngaye ngaphambili, ngoku ungumveleli wesiphaluka eGuyana. Ngaphambi kokuba eze apha, naye wasebenzisa umgaqo okwiMizekeliso 15:22. Uthi: “Ngaphambi kokuba ndihambe, ndaye ndathetha nabanye abazalwana abakhe bakhonza kwamanye amazwe. Ndathetha nentsapho yam, abadala bebandla kunye nomveleli wesiphaluka ibe ndafunda yonke into endandinokuyifumana ethetha ngokuya kukhonza kwindawo edinga abavakalisi abaninzi.”

Joseph and Christina

 Abantu abaninzi abafuna ukukhonza kwamanye amazwe baye baqale bayokuwabona ngaphambi kokuba bayokuhlala kuwo. UJoseph nenkosikazi yakhe uChristina bathi: “Ukuqala kwethu ukuya eGuyana sahlala iinyanga ezintathu. Loo nto yasinceda sabona ukuba yindawo enjani. Emva koko sagoduka, saqoshelisa izinto saza sayokukhonza eGuyana.”

Babutshintsha Njani Ubomi Babo Ukuze Bafane Nabantu Balapho?

UJoshua

 Abo bafuna ukukhonza uThixo kakuhle kwamanye amazwe bamele bazincame baze bakulungele ukufunda indlela ezenziwa ngayo izinto ekuhlaleni. Ngokomzekelo, abo basuka kumazwe apholileyo baze baye kumazwe ashushu kufuneka baqhelane nezinambuzane zalapho. UJoshua ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Ndandingaziqhelanga izinambuzane ezininzi ngala ndlela. Zinkulu nyhani ezaseGuyana! Kodwa ndaye ndaziqhela. Ndaye ndafumanisa ukuba azibininzi kakhulu xa ndiye ndahlamba izitya, ndakhupha umgqomo ndaza ndayigcina icocekile indlu.”

 Kuba ungaqhelananga nendlela abazenza ngayo izinto abantu belizwe ozokube uyokukhonza kulo, kuza kufuneka ufunde indlela yokupheka ukutya kwalapho. UJoshua uthi: “Mna nomnye umzalwana endandihlala naye saye sacela abazalwana balapho ukuba basifundise indlela yokupheka ukutya kwalapho. Emva kokuba besifundisile, sasiye simeme abazalwana noodade basebandleni ukuze bazokutya nathi. Le yindlela esasisonwaba ngayo size sakhe ubuhlobo nabazalwana noodade.”

UPaul noKathleen

 UPaul noKathleen bona bathi: “Kwanyanzeleka sifunde indlela yokuziphatha nendlela yokunxiba yalapho ibe yayintsha kuthi le nto. Kwafuneka sithobeke size sikulungele ukutshintsha ukuba olo tshintsho aluyophuli imigaqo yeBhayibhile. Ukufunda indlela abantu balapho abazenza ngayo izinto kwasinceda sasondelelana nebandla baza basimamela abantu entsimini.”

Bangenelwa Njani?

 UJoseph noChristina bathethela nabanye xa besithi: “Zininzi kakhulu iintsikelelo esazifumanayo ngaphezu kweengxaki esasinazo. Ukuqala into entsha nokwenza izinto esingaziqhelanga, kwasinceda sazazi ezona zinto zibalulekileyo ebomini. Izinto ezazibalulekile kuthi, azisabalulekanga ngoku. Amava esawafumanayo asinceda safuna ukuqhubeka sisenza konke esinako ukuze simkhonze uYehova. Sonwaba nyhani saza saneliseka.”

 UErica ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Ukukhonza kwindawo edinga abavakalisi abaninzi kuye kwasinceda nomyeni wam saqonda ukuba kuyintoni kanye kanye ukuthembela ngoYehova. Usincede ngendlela esingazange sayilindela. Ukufumana la mava kusincede sasondelelana kakhulu nomyeni wam.”

a Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2005 isichazela ngomsebenzi owenziwa eGuyana.

b Isebe laseTrinidad naseTobago lijongene nomsebenzi wokushumayela apho.