Yiya kwinkcazelo

Bandinceda Bengandazi Nokundazi

Bandinceda Bengandazi Nokundazi

Ngeny’ imini eAlberta, eliphondo laseKhanada uBob wayeqhuba iveni yakhe ngesantya esingu-100, kwakubanda futhi umoya ubhudla ngamandla. Esathe chu njalo kwagqabhuka ivili langemva, engaqinisekanga ukuba kwenzeke ntoni, zange amise kuba wayesele eza kufika apho aya khona.

UBob wabhala ileta echaza into eyenzekileyo, wayithumela kwiHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova. Wathi “Ndisaqhuba njalo, kwathi gqi enye imoto yazohamba apha ecaleni kwale yam, yayinabafana abathathu namantombazana amabini. Bahlisa ifestile, bandixelela ukuba ivili lam ligqabhukile. Samisa ecaleni baza bathi baza kunditshintshela. Ndabe phofu ndingayazi noba ndinalo na elinye ivili nezinto zokulitshintsha. Benxibe kakuhle benjalo, bajonga phantsi kweveni, balifumana elinye ivili nezinto zokulitshintsha. Balitshintsha, kwabe kubanda kusiwa nekhephu, ndabe mna ndihleli kwisitulo sam esihamba ngamavili. Ndandingazukwazi ukuzenzela yonke le nto, bandinceda.

“Ndifuna ukuthi enkosi kwaba bantwana bamaNgqina bandincedayo. Benceda mna nje babesendleleni beyoshumayela emizini. Kwabamnandi ukubabona beyenza le nto bayishumayelayo. Ukuba babengandincedanga andiyazi ukuba ndandiza kuthini, ndibabulela nyhani. Bendingayazi ukuba uThixo angandinceda kanje.”