Yiya kwinkcazelo

Ngubani Owaqalisa Intlangano YamaNgqina KaYehova?

Ngubani Owaqalisa Intlangano YamaNgqina KaYehova?

Intlangano yamaNgqina kaYehova ekhoyo ngoku yaqalisa ekupheleni kwenkulungwane ye-19. Ngelo xesha, iqela elincinane labafundi beBhayibhile elalihlala ePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States, laqalisa ukuhlolisisa iivesi zeBhayibhile. Lathelekisa iimfundiso zeecawa nendlela echanileyo efundisa ngayo iBhayibhile. Laqalisa ukupapasha oko lakufunda kwiincwadi, kumaphepha-ndaba, nakwiphphephancwadi namhlanje elibizwa ngokuba yiMboniselo—Evakalisa UBukumkani BukaYehova.

Kwelo qela labafundi beBhayibhile abanyanisekileyo kwakukho indoda egama linguCharles Taze Russell. Nangona yayinguye owayesalathisa umsebenzi wokufundisa iBhayibhile ngelo xesha nowaqalisa ukubhala IMboniselo, wayengaqalisi nkonzo intsha. Eyona nto wayejonge kuyo lo kaRussell nabanye abafundi beBhayibhile, njengoko eli qela lalibizwa njalo ngelo xesha, yayikukufundisa izinto ezazifundiswa nguYesu Kristu nokwenza izinto ezazisenziwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala. Ekubeni inguYesu owaqalisa iBandla lamaKristu, sithi nguye owaqalisa le ntlangano.—Kolose 1:18-20.