Yiya kwinkcazelo

Bamanyaniswe Luthando—Indibano YaseFrankfurt, EJamani

Bamanyaniswe Luthando—Indibano YaseFrankfurt, EJamani

Ezisematheni kwiphephandaba iFrankfurter Rundschau zazisithi: “Ingathi Basuka Kwintsapho Enye.” Ababezile bavumelana neli phephandaba.

UKarla osuka ePuerto Rico wathi: “Ndaziva ndamkelekile!”

USara waseOstreliya wathi: “Kwakungathi ndityelele abantu basekhaya, kodwa abakwelinye ilizwe.”

Yintoni eyayibangela ukuba bavakalelwe ngale ndlela? Yayiyindibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina KaYehova. YayiseCommerzbank-Arena eFrankfurt am Main, eJamani, ukususela ngoJulayi 18-20, 2014. Baphantse babeyi-37 000 ababezile.

Abantu ababekho babezele ukuza kufundiswa iBhayibhile. Kwakufundwa iBhayibhile, kuculwa, kuthandazwa, kukho iidrama ezimbini neentshumayelo ezimnandi ezisekelwe eBhayibhileni.

Ababekho yayingamaNgqina asekuhlaleni neendwendwe ezingaphezu kweziyi-3 000 ezisuka eBritani, eGrisi, eLebhanon, eMerika, eMzantsi Afrika, eOstreliya naseSerbia. Kwakukho namaNgqina amalunga nayi-234 asuka kumazwe ayi-70 akwinkonzo ekhethekileyo, njengabathunywa bevangeli.

Ezinye iinxalenye zocwangciso zazibukelwe kwi-intanethi kwiindawo eziyi-19 eJamani, eOstriya naseSwitzerland. Abantu ababekho kuzo zonke ezi ndawo babeyi-204 046.

Ukuwela Imida

EFrankfurt, ucwangciso lwaluqhutywa ngesiGrike, isiJamani nesiNgesi. Kwezinye iindawo, iintetho zazitolikwa ngexesha elinye ngeelwimi eziyi-17, eziquka isiArabhu, isiTshayina, isiTamil, isiTurkish neentetho zezandla ezimbini.

Nangona amaNgqina ayethetha iilwimi ezahlukahlukeneyo ibe eneemvelaphi ezingafaniyo, ayengezontlaba zahlukane—ayemanyaniswe luthando. (Yohane 13:34, 35) Ayephethene ngokungathi ayazalana.

UTobias waseBritani wathi: “Sizibonele ngawethu ukuba uthando lwethu luyakwazi ukuwela imida lumanyanise abazalwana abasehlabathini lonke.”

UDavianna osuka ePuerto Rico wathi: “Ndidibene namanye amaNgqina asuka kumazwe angaphezu kwayi-20. Simanyaniswe luthando nokuthanda uThixo.”

UMalcom olundwendwe olusuka eOstreliya wathi: “Ndibe liNgqina LikaYehova kwidolophana encinane. Bendidla ngokufunda okanye ndibukele iividiyo ezibonisa indlela abazalwana abasehlabathini lonke abamanyene ngayo. Kodwa apha ndiye ndazibonela ngawam amehlo. Oku kuye kwandinceda ndaqonda ukuba kutheth’ ukuthini ukumanyana kwabazalwana. Kuye komeleza ukholo lwam ukuba lapha.”

Ububele Obungalibalekiyo

AmaNgqina asuka kumabandla ayi-58 aseFrankfurt aye alungiselela izipho aza azonwabisa neendwendwe ngeengokuhlwa.

UCynthia osuka eMerika wathi: “Siye sazibonela indlela abanobubele ngayo abazalwana. Andisoze ndiyilibale indlela abanothando, abanobubele nabanesisa ngayo.”

USimon ohlala eJamani wathi: “Kwakukho uthando ibe kuhlekwa. Ininzi into esinokuyifunda kwabanye.”

UAmy olundwendwe olusuka eOstreliya wathi: “Ukumane sizonwabisa ngeengokuhlwa kwandibonisa ukuba amaNgqina KaYehova akazivimbi ulonwabo. Siyakwazi ukuzonwabisa—ngendlela ecocekileyo neyokwenene.”

Ukubuyela Ekhaya Neenkumbulo Ezimnandi

Indibano eyayiseFrankfurt yenye kwiindibano zezizwe ngezizwe ezazikumazwe asithoba ehlabathini lonke.

Xa kwabuzwa olunye undwendwe olwaluze kule ndibano eyayiseFrankfurt, lwaphendula lathi: “Khawube nombono wakho ubhaqa isizalwana esisondeleyo kuwe, ngokomzekelo umntakwenu obungamazi. Nakudibana, ukwenza uzive wamkelekile ekhayeni lakhe aze abe nobubele kuwe. Awukwazi kuzibamba luvuyo. Luphindaphinde ke olo vuyo izihlandlo eziyi-37 000. Bekumnandi kunjalo ke ukuba kule ndibano.”