Yiya kwinkcazelo

Iindibano Ezikhethekileyo ZamaNgqina KaYehova Ezabanjelwa Kumazwe Asixhenxe

Iindibano Ezikhethekileyo ZamaNgqina KaYehova Ezabanjelwa Kumazwe Asixhenxe

Kutshanje amaNgqina kaYehova ebeneendibano ezikhethekileyo eBrazil, eCosta Rica, eHong Kong, eIreland, eIsrael, eNew Zealand naseSweden. Eyokuqala kwezi ibiseSweden ngoJulayi 2012 kwaye ezintathu zokugqibela beziseCosta Rica naseNew Zealand ngoJanuwari 2013.

Njengezinye iindibano zeentsuku ezintathu esiba nazo, nezi bezineentetho ezisekelwe eBhayibhileni, imiboniso kunye needrama.

Kuye kwamenywa abantu ukuba bazifumane kumanye amazwe ezi ndibano. Ngaphambi nasemva kweendibano, iindwendwe ziye zafumana ithuba lokukhenketha la mazwe zize kuwo.

Undwendwe olwaluseBrazil lwathi: “Indivuyise gqitha into yokubona uthando nobubele obungaka babazalwana. Bekungathi ndikhawuleze ndafumana amanye amalungu entsapho.”

Olunye undwendwe olwaluseHong Kong lwathi: “Yandivuyisa kakhulu into yokubona wonke umntu encumile, zasuka zazehlela iinyembezi xa ndabona iindwendwe ezithetha isiMandarin zifumana iBhayibhile ngolwimi lwazo ikhutshwa kule ndibano.”

Nyaka ngamnye, amaNgqina kaYehova aba neendibano ehlabathini lonke. Kubakho izigidi zabantu kuzo.

Iindibano ezinjengezi zinika ithuba lokuba abo bezileyo babukane, baze bafumane uxolo, uvuyo nothando lobuzalwana. Oku kubonakala ngakumbi kwiindibano ezikhethekileyo okanye ezezizwe ngezizwe. Ngexesha lekhefu, iindwendwe ziye zitye kunye, zifote, zincokole okanye zinikane izipho neenkcukacha zazo.

Njengakuzo zonke iindibano zethu, abo bangengabo amaNgqina kaYehova bamkelekile ukuba bangeza