Yiya kwinkcazelo

IiHolo ZoBukumkani ZamaNgqina Asisigidi

IiHolo ZoBukumkani ZamaNgqina Asisigidi

Phakathi ko-1999 no-2015, amaNgqina kaYehova akha iiHolo zoBukumkani ezingaphaya kwama-5 000 kuMbindi Merika a naseMexico. Ukuze amaNgqina asisigidi nabanye abaya kwiintlanganiso kulo mmandla abe nendawo yokungenela, kufuneka iiHolo zoBukumkani ezongezelelekileyo ezingaphezu kwezingama-700.

Pha phambili, amabandla kulo mmandla ayekufumanisa kunzima ukwakha iindawo zokunqulela. Ngokomzekelo eMexico, amaNgqina amaninzi ayezibambela emakhayeni abantu iintlanganiso zawo. Kwakutheni? Esinye isizathu yayikukuba kangangeminyaka emininzi umthetho wawungavumi ukuba iintlangano zonqulo zibe nezakhiwo. Ngeminyaka yoo-1990, umthetho watshintsha ibe amaNgqina kaYehova aqalisa ukwakha iiHolo zoBukumkani ezininzi. Sekunjalo, ukwakhiwa kweholo nganye kwakuthatha iinyanga eziliqela.

Inkqubela Ekhawulezileyo

Inkqubela yakhawuleza ngo-1999, xa amaQela Okwakha IiHolo ZoBukumkani aqalisa ukusebenza phantsi kwenkqubo entsha yokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kumazwe asokolayo, kuquka iMexico namazwe asixhenxe akuMbindi Merika. Ukususela ngo-2010, iofisi yesebe eseMexico iye yavelela umsebenzi wokwakha owenziwa kuloo ngingqi.

Kuba nzima kubakhi xa besakha iiHolo zoBukumkani ezisemagqagaleni. Ngokomzekelo, ePanama abakhi kuye kufuneke bahambe ngezikhephe kangangeeyure ezintathu ukuze baye kufika. Kanti, eChiapas, eMexico iqela labakhi kunyanzeleka lisebenzise inqwelo-moya encinane ukuze lizise izinto zokwakha esizeni.

Iingenelo Zokuba NeeHolo ZoBukumkani Ezintsha

Kwanabantu abangengomaNgqina bayakuthanda ukubona iHolo yoBukumkani ekuhlaleni. Ngokomzekelo, indoda yaseHonduras yathi, ngaphambi kokuba amaNgqina akhe iHolo yoBukumkani kwingingqi yakhe, kukho abantu ababefuna esa siza sibe yiklabhu yasebusuku. Kodwa yena wayengayifuni loo nto. Xa amaNgqina kaYehova amchazela ukuba aceba ukwakha iHolo yoBukumkani kwesa siza, wathi: “Yintsikelelo leyo.”

Kwiindawo ezininzi abantu bayachukunyiswa yindlela abakhi abakhuthele ngayo. Indoda yaseGuatemala yathi: “ Kuhlanga lwethu, amabhinqa aba sekhitshini. Kodwa apha amabhinqa enza umsebenzi owenziwa ngamadoda. Kodwa iyandothusa into yokubona amabhinqa edibanisa iintsimbi ibe etyabeka neendonga. Iyancomeka le nto.” Abanye abamelwane bade bathengela abakhi ukutya.

Abantu abaninzi bade bathande nendlela ezenziwe ngayo iiHolo zoBukumkani. ENicaragua, omnye unonjineli wachazela usodolophu wesinye isixeko ukuba, iHolo yoBukumkani yayisisakhiwo esihle esakhiwe ngezinto zokwakha ezisemgangathweni. Phofu wathi, esi sakhiwo sisemgangathweni nangaphezu kwezinye izakhiwo ezisesixekweni.

Kakade ke, namaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukuba nendawo entle aza kunqulela kuyo. Aye aphawula ukuba nabantu afunda nabo iBhayibhile bayeza kwiintlanganiso zebandla emva kokuba kwakhiwe iHolo yoBukumkani entsha. Amalungu ebandla laseMexico ebencedisa abakhi ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani abulela athi: “Siyambulela uYehova ngelungelo ebesinalo lokwakha iHolo yoBukumkani ezukisa nehlonela igama lakhe.”

a IMerriam-Webster’s Collegiate Dictionary, uhlelo lwe-11, luchaza uMbindi Merika njengeeriphabliki zaseGuatemala, iEl Salvador, iHonduras, iNicaragua, iCosta Rica, iPanama naseBelize.