Yiya kwinkcazelo

APRILI 9, 2015
EVANUATU

AmaNgqina KaYehova Anceda Amaxhoba Esitshingitshane

AmaNgqina KaYehova Anceda Amaxhoba Esitshingitshane

ENOUMEA, yaseNew Caledonia—Ngengokuhlwa kaMatshi 13, 2015, isitshingitshane esigama linguPam sintlithe isiqithi esikwiPasifiki yaseVanuatu. Ingxelo esuka kwiofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseNew Caledonia ithi awakho amaNgqina aseVanuatu abulewe okanye onzakaliswe sesi sitshingitshane. Nangona umonakalo usajongwa, ingxelo ibonisa ukuba kwizindlu zamaNgqina ezikwisiqithi sase-Efate, eziyi-31 zimke nesitshingitshane ngoxa zona eziyi-58 zonakele kakhulu. Kwisiqithi saseTanna, phantse zonke izindlu zamaNgqina zonakele kakhulu okanye zimke nesitshingitshane. Esi sitshingitshane siwise neeHolo ZoBukumkani ezintathu, ngoxa enye yonakaliswe kakhulu ngumthi oye wawela kuyo.

Ikomiti yokunceda ekwidolophu elikomkhulu laseVanuatu, ePort Vila, iye yabonelela iintsapho zamaNgqina ezimalunga neziyi-100 ngokutya, ngamanzi nangeendawo zokuhlala. Ukongezelela, kuye kwathunyelwa itoni yezinto zokunceda kumaNgqina aseTanna ukuze afumane izinto azidingayo. Iofisi yesebe yaseOstreliya isebenzisana neyaseNew Caledonia ukuze ixhase iinzame zokunceda, eziquka ukwakhiwa nokulungiswa kwezindlu, ukuphathelwa iingubo, amashiti, iimpahla nezinye izinto.

Isithethi samaNgqina KaYehova eNew Caledonia, uJean-Pierre Francine uthi: “Siyaluxabisa uncedo esilufumene kwamanye amazwe nakumasebe karhulumente aye abonelela abazalwana bethu. Njengoko iinqwelo-moya ziphinde zavuleleka eVanuatu, ummeli weofisi yesebe yaseNew Caledonia kunye nabaveleli abahambahambayo batyelela kwesi siqithi ukuze bancede amaxhoba entlekele ngezinto azidingayo baze bawathuthuzele besebenzisa iBhayibhile.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

New Caledonia: Jean-Pierre Francine, tel. +687 43 75 00