Yiya kwinkcazelo

Ezomthetho

Ezomthetho

Icopyright

© 2014 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, Inc. All rights reserved.

Le Webhsayithi ipapashwa yaye ilungiswa yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc. Ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, yonke into ebhaliweyo nenkcazelo ekule Webhsayithi yeyeWatchtower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

IiTrademark

IAdobe, umzobo wayo, neAcrobat nomzobo wayo zezeAdobe Systems Incorporated. Ii-iTunes neiPod zezeApple Inc. Zonke ezinye iitrademark zezeenkampani zazo ezahlukahlukeneyo.

Imiqathango Nemvume Yokusebenzisa Le Webhsayithi

Le Miqathango ilawula indlela oyisebenzisa ngayo le webhsayithi. Ngokusebenzisa le webhsayithi, uyayamkela le Miqathango. Ukuba kukho uMqathango ongavumelaniyo nawo, umele ungayisebenzisi le webhsayithi.

Yiyiphi indlela yokusebenzisa le webhsayithi? Ungabuka, udawunlowude uze uprinte imifanekiso, iincwadi, umculo, iifoto, neevidiyo ezikule webhsayithi kodwa awuvumelekanga ukuba uzithengise. Le migaqo ingezantsi ibonisa izinto onako ukuzenza nongenako ukuzenza:

  • Akuvumelekanga ukuthatha izinto kule webhsayithi uzifake kwezinye;

  • Akuvumelekanga ukupapasha inkcazelo ekule webhsayithi kweminye imithombo;

  • Akuvumelekanga ukukopa, okanye ukuvelisa kwakhona inkcazelo ekule webhsayithi ukuba uza kuyithengisa okanye uyisebenzise njengelinki kwenye iwebhsayithi;

  • Akuvumelekanga ukungena kule webhsayithi ngenjongo yokwenza nokusasaza iinkcukacha ezithile ukuze uziqokelele inkcazelo ngokungekho semthethweni;

  • Akuvumelekanga ukuyisebenzisa kakubi le webhsayithi, njengokuphazamisa okanye ungene ngamaqhinga kuyo;

  • Akuvumelekanga ukusebenzisa le webhsayithi ngendlela eza kwenza umonakalo, engekho semthethweni okanye eza kubangela kubiwe inkcazelo;

  • Akuvumelekanga ukusebenzisa le webhsayithi ukuze wenze iintengiso.

Ukwaphulwa Kwemiqathango

IWatchtower inamalungelo endlela omele uyisebenzise ngayo le webhsayithi. Ukuba awuwathobeli, iWatchtower isenokugqiba ngelokuba ijongane nawe ide ikuvale ukuba ungangeni kule webhsayithi, iqhagamshelane nenkampani oyisebenzisayo ye-intanethi ukuba ikuvale ungangeni kule webhsayithi ide ibhenele nasemthethweni.

Ukwahlukahlukana

IWatchtower isenokuyihlaziya nanini na le Miqathango. Loo Miqathango ihlaziyiweyo iqalisa ukusebenza ukususela ngomhla epapashwe ngayo. Sicela uhlale ulindwendwela eli phepha ukuze ubone enoba akukho nto intsha kusini na.

Ezomthetho

Le Miqathango iza kulawulwa futhi ilandelwe ngokwemithetho yePhondo laseNew York, eMerika, kungakhange kwaphulwe eminye imithetho. Naliphi na ityala lokwaphulwa kwale Miqathango liza kusiwa kwinkundla yephondo okanye kwiNkundla Ephakamileyo YePhondo LaseNew York, eMerika.

Ubunzulu Bemiqathango

Ukuba kukho uMqathango ofunyaniswe ungasasebenzi okanye ungekho semthethweni, eminye yona iza kuqhubeka isebenza. Ukunganyanzelisi kweWatchtower ukuba kulandelwe uMqathango othile, akuyi kuthetha kuthi loo Mqathango awusasebenzi.

Isivumelwano

Le Miqathango iyinxalenye yesivumelwano esiphakathi kwakho neWatchtower sokusebenzisa le webhsayithi, ibe sithathel’ indawo zonke izivumelwano zangaphambili zokusebenzisa kwakho le webhsayithi.