Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Ngusomandla Nje Ongenazimvakalelo?

Ngaba UThixo Ngusomandla Nje Ongenazimvakalelo?

Impendulo Esuka EBhayibhileni

 UThixo unamandla angenakulinganiswa nanto kwindalo yonke. Xa ithetha ngendlela awazidala ngayo iinkwenkwezi ezingenakubaleka, iBhayibhile ithi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, [uThixo] uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—Isaya 40:25, 26.

 Kodwa uThixo akangomntu nje ongusomandla. IBhayibhile ithi uneemvakalelo, njengothando nentiyo. (INdumiso 11:5; Yohane 3:16) Ikwabonisa ukuba uThixo uyavakalelwa ngezinto ezenziwa ngabantu.—INdumiso 78:40, 41.