Yiya kwinkcazelo

Yayingubani Indoda Esisityebi NoLazaro?

Yayingubani Indoda Esisityebi NoLazaro?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Indoda esisityebi noLazaro ngabantu abakwibali elabaliswa nguYesu. (Luka 16:19-31) Kweli bali, la madoda ayemela iintlobo ezimbini zabantu: (1) abefundisi bamaYuda ababeziphakamisile ngexesha likaYesu (2) nabantu abathobekileyo abawumamelayo umyalezo kaYesu.

Kweli nqaku

 Wathini uYesu ngendoda esisityebi noLazaro?

 KuLuka isahluko 16, uYesu uthetha ngamadoda amabini ezatshintsha kakhulu iimeko zawo.

 Makhe sithi gqabagqaba ngeli bali likaYesu: Indoda esisityebi yayiphila ubomi obumnandi. Indoda elihlwempu uLazaro yayisima kwigeythi yomzi wesi sityebi. Eli hlwempu lalinethemba lokufumana ukutya okuwa kwitafile yale ndoda isisityebi. Ekuhambeni kwexesha uLazaro wasweleka yaza ingelosi yamthatha yamsa kwicala lika-Abraham. Le ndoda isisityebi nayo yasweleka yangcwatywa. Kweli bali omabini la madoda kuthiwa ayaphila emva kokuba efile. Esi sityebi sangcungcuthekiswa emlilweni otshisayo. Sacela uAbraham ukuba athume uLazaro ukuba asiqabazele intwana yamanzi elwimini ngomnwe ukuze luyeke ukutshisa. UAbraham zange avume esithi omabini la madoda iimeko zawo zitshintshile futhi kukho isikhewu esivulekileyo esiza kwenza umntu angakwazi ukuya kwelinye icala.

 Ngaba le nto kuthethwa ngayo apha yenzeka nyhani?

 Hayi. Lo ngumzekelo owabaliswa nguYesu ukuze abantu awayethetha nabo babe nento abayifundayo. Nabaphandi bayavuma ukuba ngumzekelo lo. Ngokomzekelo, umxholwana weLuther’s Bible yango-1912 uthi eli bali ngumzekelo. ICatholic Jerusalem Bible, kumbhalo osemazantsi, ithi ngumzekelo ongathethi ngamntu.”

 Ngaba uYesu wayefundisa ukuba umntu uyakwazi ukuphila emva kokuba efile? Ngaba wayethetha ukuba abantu baviswa ubuhlungu emlilweni xa besifa nokuba uLazaro noAbraham basezulwini? Kukho izizathu ezibonisa ukuba ayinakwenzeka loo nto.

 Ngokomzekelo:

  •   Ukuba le ndoda isisityebi ibikwindawo ethile, isitsha ngumlilo, ngaba le ntwana yamanzi eyayikumnwe kaLazaro yayingazukutsha iphele?

  •   Ukuba la manzi ayengatshanga, ngaba ayeza kukwazi ukuyinceda njengokuba yayisitsha?

  •   Kwenzeka njani ukuba uAbraham abe sezulwini? Wayengatshongo na uYesu ukuba ngaphambi kokuba enze lo mzekelo, akho mntu wayayo ezulwini?—Yohane 3:13.

 Ngaba eli bali libonisa ukuba abantu baza kungcungcutheka emlilweni?

 Hayi. Nangona le ingeyonto yenzeka nyani, abanye bathi ithetha ukuba the abantu abalungileyo baza kuya ezulwini, bona ababi batshiswe emlilweni. a

 Ngaba le nto bayithethayo iyavakala? Hayi.

 Imfundiso yokutshiswa emlilweni, ayivumelani nento ethethwa yiBhayibhile ngabantu abafileyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ayitsho ukuba abantu abalungileyo abaswelekayo bafika bonwabe ezulwini baze ababi baviswe ubuhlungu ngokutshiswa emlilweni. Kodwa ithi: “Abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kodwa bona abafileyo abazi nto kwaphela.”—INtshumayeli 9:5.

 Lithetha ukuthini ibali lendoda esisityebi noLazaro?

 Eli bali libonisa ukuba iimeko zamaqela amabini abantu zaziza kutshintsha.

 Indoda esisityebi ngabefundisi abangamaYuda, ‘ababethanda imali.’ (Luka 16:14) Bamamela xa uYesu wayethetha nabo kodwa abayifuna into awayeyithetha. Aba befundisi babebadelela abantu abaqhelekileyo.—Yohane 7:49.

 ULazaro umela abantu abaqhelekileyo abawumamelayo umyalezo kaYesu, ababedelelwa ngabefundisi abangamaYuda.

 Omabini la maqela zatshintsha kakhulu iimeko zawo.

  •   Abefundisi abangamaYuda babecinga ukuba bayathandwa nguThixo. Kodwa kwaba ngathi bafile kuba uThixo zange ayamkele indlela ababemkhonza ngayo kuba babengayithandi into ababeyixelelwa nguYesu. Futhi umyalezo ababewuxelelwa nguYesu nabafundi bakhe waba njengomlilo obatshisayo.—Mateyu 23:29, 30; IZenzo 5:29-33.

  •   Abantu abaqhelekileyo ababengahoywanga ngabefundisi babo babeziva bethandwa ngoku. Abaninzi kubo bazimamela izinto ezazifundiswa nguYesu zabanceda. Ngoku babefumene ithuba lokuthandwa nguThixo, ngonaphakade.—Yohane 17:3.

a Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa igama elithi “ingcwaba” xa zichaza indawo eyaya kuyo indoda esisityebi emva kokuba ifile. Kodwa ke igama lesiGrike elithi (Hades) elikuLuka 16:23 lithetha ingcwaba lomntu eliqhelekileyo.