Yiya kwinkcazelo

Yintoni Injongo Yobomi?

Yintoni Injongo Yobomi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Lo mbuzo unokubuzwa ngeendlela ezininzi, ezifana nezithi, Kutheni silapha nje? okanye Ngaba ubomi bethu bunenjongo? IBhayibhile ithi injongo yobomi bethu kukuba ngabahlobo bakaThixo. Khawuve ezi nyaniso zityhilwa yiBhayibhile.

  •   UThixo nguMdali wethu. IBhayibhile ithi: “Nguye [uThixo] owasenzayo, asisithi.”​—INdumiso 100:3; ISityhilelo 4:11.

  •   UThixo unenjongo ngayo yonke indalo yakhe, kuquka nathi.​—Isaya 45:18.

  •   UThixo wasenza ‘sanentswelo yokomoya’ kunye nomnqweno wokufumana injongo yobomi. (Mateyu 5:3) Ufuna siwanelise loo mnqweno.​—INdumiso 145:16.

  •   Le ntswelo yokomoya, siyanelisa xa sisakha ubuhlobo noThixo. Nangona abanye besenokuthi ayinakwenzeka into yokuba sibe ngabahlobo bakaThixo, iBhayibhile isinika la mazwi akhuthazayo: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”​—Yakobi 4:8; 2:23.

  •   Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, kufuneka siphile ngokwenjongo awasidalela yona. IBhayibhile iyichaza le njongo kwiNtshumayeli 12:13: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”

  •   Kwixesha elizayo, siza kukwazi ukuzalisekisa laa njongo yokuqala kaThixo xa eza kube esuse konke ukubandezeleka, aze aphe bonke abahlobo bakhe ubomi obungunaphakade.​—INdumiso 37:10, 11.