Yiya kwinkcazelo

Ngaba Sisono Ukutshaya?

Ngaba Sisono Ukutshaya?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile ayithethi nto ngokutshaya a okanye nayiphi na indlela yokusebenzisa icuba. Kodwa, inemigaqo ebonisa ukuba uThixo akazifuni izinto eziyimoshayo impilo neziwungcolisayo umzimba, nto leyo ethetha ukuba ukutshaya sisono.

  • Buxabise ubomi. “UThixo . . . ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo.” (IZenzo 17:24, 25) Ubomi sisipho esivela kuThixo, asimele senze nantoni na eza kucutha ubomi bethu enjengokutshaya. Ukutshaya yenye yezinto ebulala abantu abaninzi, kodwa inokuphepheka.

  • Bathande abamelwane. “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) Ayikokubonisa uthando ukutshaya phakathi kwabantu. Abantu abaqhele ukunukiselwa ngecuba amaxesha amaninzi badla ngokugula zizigulo zabantu abatshayayo.

  • Isizathu sokungatshayi. “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo.” (Roma 12:1) “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.” (2 Korinte 7:10) Ukusebenzisa icuba yinto engazange idalwe, kwaye engasondelanga tu ekubeni ngcwele, kuba icuba lenziwe ngezinto eziwungcolisayo umzimba zize ziwumoshe.

Ngaba iBhayibhile iyathetha ngokuzonwabisa ngentsangu okanye ezinye iziyobisi?

IBhayibhille akhonto iyithethayo ngentsangu nangenzinye iziyobisi. Kodwa inemigaqo egxeka ukuzonwabisa ngezinto eziyingozi ezinokwenza abantu babe ngamakhoboka azo. Ukongezelela kulo mgaqo, nazi izinto eziluncedo:

  • Sifanele sikwazi ukulawula iingqondo zethu. “Uze umthande uYehova uThixo wakho . . . ngengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37, 38) “Hlalani nithe qwa ngokupheleleyo.” (1 Petros 1:13) Abantu abakwazi kuzilawula kakuhle iingqondo zabo xa besebenzisa iziyobisi eziyingozi, abanye bade babe ngamakhoboka azo. Basoloko becinga ukuba baza kuzifumana phi xa ziphelile endaweni yokuba bacinge ngezinto eziluncedo.—Filipi 4:8.

  • Simele sithobele imithetho yelizwe. “Bathobele oorhulumente namagunya alawulayo” (Tito 3:1) Kumazwe amaninzi, ezinye iziyobisi azivumelekanga ukuba zisetyenziswe. Ukuba sifuna ukuvuyisa uThixo, simele sithobele imithetho karhulumente.​—Roma 13:1.

a Oku kutshaya sithetha ngako apha kukufunxa umsi wecuba kwifegi, ii-okapayip noopayip abenzelwe ukutshaya bamanzi. Kodwa ke, imigaqo eseBhayibhileni ngokufanayo iyangena ekusetyenzisweni kwecuba elihlafunwayo, i-sniff, namacuba afakwe ikotini nezinto ezinjalo.