Yiya kwinkcazelo

Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

Ngaba UMtyholi Uyakwazi Ukulawula Abantu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 UMtyholi kunye needemon bayakwazi ukulawula abantu, kangangokuba iBhayibhile ithi: “Ihlabathi lonke lilawulwa ngongendawo.” (1 Yohane 5:19, INew Century Version) IBhayibhile iyazichaza iindlela uMtyholi azama ngazo ukulawula abantu.

  •   Amaqhinga. IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba ‘eme eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:11) Elinye lamaqhinga akhe kukwenza abantu bakholelwe ukuba iidemon zakhe zikhonza uThixo.​—2 Korinte 11:13-15.

  •   Ukusebenzelana nemimoya. UMtyholi ulahlekisa abantu esebenzisa imimoya, abaxeli-mathamsanqa kunye neendlela ezininzi zokuvumisa. (Duteronomi 18:10-12) Ezinye izinto ezenza umntu abe sisisulu seedemon ziziyobisi kunye nokulaliswa ngomlingo.​—Luka 11:24-26.

  •   Unqulo lobuxoki. Iinkonzo ezifundisa iimfundiso zobuxoki zilahlekisa abantu ukuba bangamthobeli uThixo. (1 Korinte 10:20) IBhayibhile ithi ezi ‘ziimfundiso zeedemon.’​—1 Timoti 4:1.

  •   Ukulawulwa ziidemon. IBhayibhile ineengxelo zabantu abaliqela abalawulwa ziidemon. Ngamanye amaxesha, abantu abaneedemon babesiba ziimfama, izimumu okanye bazenzakalise.​—Mateyu 12:22; Marko 5:2-5.

Singakuphepha njani ukulawulwa nguMtyholi?

 Akuyomfuneko ukuzoyika iidemon, ngoba iBhayibhile isichazela indlela esinokuzichasa ngazo ngokuphumelelayo:

  •   Funda amaqhinga kaMtyholi ukuze ‘uwazi amacebo akhe.’​—2 Korinte 2:11.

  •   Funda iBhayibhile uze usebenzise amacebiso ayo. Ukuwasebenzisa kuza kukunceda ukuba ungalawulwa nguMtyholi.​—Efese 6:11-18.

  •   Hlukana nayo nantoni na enento yokwenza needemon. (IZenzo 19:19) Oku kuquka umculo, iincwadi, iimagazini, iipowusta kunye neevidiyo ezinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya.