Yiya kwinkcazelo

Uxolo Lwehlabathi​—Kutheni Kunzima Kangaka Ukulufumana?

Uxolo Lwehlabathi​—Kutheni Kunzima Kangaka Ukulufumana?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Iinzame zabantu zokuzisa uxolo emhlabeni ziye zasilela yaye azisoze ziphumelele ngenxa yezizathu ezininzi:

  • “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Abantu abazange badalelwe ukuzilawula, ngoko abanakukwazi ukuzisa uxolo olungapheliyo.

  • “Musani ukukholosa ngabalawuli abangabantu; akukho mntu unokunisindisa. Xa besifa, babuyela eluthulini; ngaloo mini ayaphela onke amacebo abo.” (INdumiso 146:3, 4, Good News Translation) Oorhulumente, kwanabo baneentshukumisa ezintle, abayazi into enokuphelisa izinto ezibangela imfazwe.

  • “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba . . . ziindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi.” (2 Timoti 3:1–4) Siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yeli hlabathi lingendawo, ixesha laxa abantu bephila ngendlela ebangela kube nzima ukufumana uxolo.

  • “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:12) UMtyholi, olutshaba likaThixo, uphoselwe emhlabeni yaye uphembelela abantu ukuba babe nalo moya wakhe ukhohlakeleyo. ‘Esengumlawuli weli hlabathi,’ soze sibe noxolo.—Yohane 12:31.

  • [UBukumkani BukaThixo] buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zingamfuniyo uThixo], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) UBukumkani bukaThixo, kungekhona nawuphi na umlawuli ongumntu, buya kuzisa uxolo ehlabathini, nto leyo esiyinqwenelayo.—INdumiso 145:16.