Yintoni Endinokuyithandazela?
Impendulo yeBhayibhile
Njengoko iBhayibhile ibonisa, ungathandazela nantoni na evisisana noko kufunwa nguThixo. “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda [kukaThixo], uyasiva.
” (1 Yohane 5:14) Ngaba unokumxelela ngezinto ezikuxhalabisayo? Ewe. IBhayibhile ithi: “Phalazani intliziyo yenu phambi [kukaThixo].
”—INdumiso 62:8.
Izinto onokuzithandazela
Ukuba nokholo kuThixo.—Luka 17:5.
Umoya oyingcwele, okanye amandla kaThixo asebenzayo, ukuze akuncede wenze okulungileyo.—Luka 11:13.
Amandla okunyamezela iingxaki nokumelana nesilingo.—Filipi 4:13.
Ukuba noxolo lwangaphakathi nokuzola.—Filipi 4:6, 7.
Ubulumko ukuze wenze izigqibo ezihle.—Yakobi 1:5.
Uncedo lwezinto esizidinga mihla le.—Mateyu 6:11.
Ukuxolelwa izono.—Mateyu 6:12.