Yiya kwinkcazelo

Yintoni Endinokuyithandazela?

Yintoni Endinokuyithandazela?

Impendulo yeBhayibhile

Njengoko iBhayibhile ibonisa, ungathandazela nantoni na evisisana noko kufunwa nguThixo. “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda [kukaThixo], uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Ngaba unokumxelela ngezinto ezikuxhalabisayo? Ewe. IBhayibhile ithi: “Phalazani intliziyo yenu phambi [kukaThixo].”—INdumiso 62:8.

Izinto onokuzithandazela

  • Ukuba nokholo kuThixo.—Luka 17:5.

  • Umoya oyingcwele, okanye amandla kaThixo asebenzayo, ukuze akuncede wenze okulungileyo.—Luka 11:13.

  • Amandla okunyamezela iingxaki nokumelana nesilingo.—Filipi 4:13.

  • Ukuba noxolo lwangaphakathi nokuzola.—Filipi 4:6, 7.

  • Ubulumko ukuze wenze izigqibo ezihle.—Yakobi 1:5.

  • Uncedo lwezinto esizidinga mihla le.—Mateyu 6:11.

  • Ukuxolelwa izono.—Mateyu 6:12.