Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO

Indlela Yokunceda Abantwana Bamelane Nokuphoxeka

Indlela Yokunceda Abantwana Bamelane Nokuphoxeka

 Liza kufika ixesha lokuba umntwana wakho aphoxeke. Unokumnceda njani?

 Into omele uyazi

 Sonke siyaphoxeka ngamanye amaxesha. IBhayibhile ithi “sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yakobi 3:2) Banjalo ke nabantwana. Kodwa ke ukuphoxeka ngamanye amaxesha kuyanceda kuba kunceda abantwana bakwazi ukumelana neengxaki. Abantwana abazalwa bekwazi ukumelana neengxaki kodwa ke bangakufunda. Umama onguLaura uthi: “Mna nomyeni wam sifumanise ukuba kubhetele abantwana bafunde iindlela zokumelana nokuphoxeka kunokuba kube ngathi akwenzekanga nto. Banokufunda ukunyamezela xa izinto zingahambi ngendlela ebebelindele ngayo.”

 Abantwana abaninzi abakwazi ukumelana nokuphoxeka. Le nto yenzeka ngenxa yokuba abazali babo babenza bazive ngathi abantwana babo abenzanga nto irongo. Ngokomzekelo, ukuba abantwana abapasi esikolweni, abazali basenokutyhola utitshala. Ukuba umntwana uxabana netshomi yakhe, umzali uza kutyhola itshomi.

 Kodwa ke, abantwana banokufunda njani ukuzimela xa abazali babo bebathethelela?

 Into onokuyenza

  •   Fundisa abantwana ukuba izinto abazenzayo ziza kuba neziphumo.

     IBhayibhile ithi: “Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.”—Galati 6:7.

     Yonke into esiyenzayo iba neziphumo. Xa into imoshakele kuba ziindleko ukuyilungisa. Impazamo iba neziphumo ezingemnandanga. Abantwana bafanele bazi ukuba yonke into abayenzayo inokubachaphazela nokuba kuza kufuneka bamelane neziphumo zaloo nto. Ngoko sukutyhola abanye okanye uthethelele abantwana bakho, endaweni yaloo nto bafanele bafumane iziphumo ezifanele iminyaka yabo. Nomntwana kufanele ayazi ukuba kutheni efumana iziphumo zento ayenzileyo.

  •   Nceda abantwana bakho balungise iingxaki.

     Umgaqo weBhayibhile: “Kuba nokuba ilungisa liwa kasixhenxe, liphinda livuke.”—IMizekeliso 24:16.

     Ukuphoxeka kusenokuba buhlungu, kodwa asikokuphela kobomi. Nceda umntwana wakho alungise ingxaki, kunokuba akhalazele indlela eyenzeke ngayo ingxaki. Ngokomzekelo, ukuba umntwana wakho akapasanga esikolweni, mncede abone indlela anokwenza ngayo bhetele kwixesha elizayo. (IMizekeliso 20:4) Ukuba umntwana wakho uxabene netshomi yakhe, mncede abone indlela anokucela ngayo uxolo enoba ayinguye obangele ingxabano.—Roma 12:18; 2 Timoti 2:24.

  •   Nceda abantwana bakho bazazi izinto abanokukwazi ukuzenza.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ndithi kuni ngamnye makangazicingeli kakhulu.”—Roma 12:3.

     Awumncedi umtwana wakho xa umxelela ukuba “ubodlula” bonke abanye. Phofu ke, nabantwana abaqhuba kakuhle esikolweni abasoloko befumana iziphumo ezifanayo. Abantwana abaqhuba kakuhle kwezemidlalo abasoloko bewina. Kodwa abantwana abazaziyo izinto abanokukwazi ukuzenza bayakwazi ukumelana nokuphoxeka.

     IBhayibhile ithi iingxaki zisinceda sikwazi ukomelela size sinyamezele. (Yakobi 1:2-4) Nangona ukuphoxeka kubuhlungu, mncede umntwana wakho akujonge ngendlela efanelekileyo.

     Njengokufundisa ubuchule, ukufundisa umntwana ukumelana nokuphoxeka kuthatha ixesha. Xa abazali befundisa abantwana ukumelana nokuphoxeka, loo nto iza kubanceda ngokuya bekhula. Incwadi ethi, Letting Go With Love and Confidence ithi: “Abantwana abakwaziyo ukumelana neengxaki abaye bazifake engozini xa bephoxekile. Bayaphumelela naxa bephoxekile okanye kusenzeka into abangayilindelanga.” Kakade ke, ukumelana neengxaki kuza kubanceda naxa sele bebadala.

 Icebiso: Yiba ngumzekelo. Khumbula, abantwana bakho baza kuyifunda kuwe indlela yokumelana nokuphoxeka.