Eyokuqala KaPetros 5:1-14

  • Waluseni umhlambi kaThixo (1-4)

  • Thobekani nize nilumke (5-11)

    • Liphoseni kuThixo ixhala lenu (7)

    • UMtyholi unjengengonyama egqumayo (8)

  • Amazwi okuqukumbela (12-14)

5  Ngoko ke, njengoko nam ndingumdala, nengqina elazibonelayo ukutsala nzima kukaKristu, ibe nam ndiza kufumana uzuko oluza kutyhilwa,+ ndiyabacenga abadala, ndisithi:  Waluseni umhlambi kaThixo+ eniwuphathisiweyo, niwukhathalele ngokuzithandela phambi koThixo,+ hayi kuba ninyanzelwa okanye ninyolukile,+ kodwa kuba nifuna nyhani;  ningazenzi abalawuli babo balilifa likaThixo,+ kodwa yibani yimizekelo kumhlambi.+  Xa umalusi omkhulu+ ebonakaliswa, niza kutsho nifumane isithsaba sozuko esingasoze sonakale.+  Nani ke bafana, wathobeleni amadoda amakhulu.*+ Kodwa nonke nimele nithobelane,* kuba uThixo akabafuni abantu abaziphakamisayo, kodwa ubenzela ububele* abo bathobekileyo.+  Ngoko ke, zithobeni phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.+  Liphoseni kuye lonke ixhala lenu,+ kuba unikhathalele.+  Hlalani nisezingqondweni, nilumke!+ UMtyholi olutshaba lwenu, uhambahamba njengengonyama egqumayo, ekhangela umntu anokumqwenga.+  Kodwa xhathisani,+ niqine elukholweni, nisazi ukuba behlelwa bubunzima obufanayo bonke abazalwana benu emhlabeni wonke.+ 10  Kodwa, emva kokuba nive ubunzima okwexeshana, uThixo wabo bonke ububele,* owanibizela kuzuko lwakhe olungunaphakade+ ngokumanyene noKristu, yena ngokwakhe uza kuniqeqesha ngokupheleleyo. Uza kuniqinisa,+ anomeleze,+ aze anenze nizinze. 11  Ngawakhe onke amandla ngonaphakade. Amen. 12  Ngoncedo lukaSilvano,*+ ongumzalwana othembekileyo, ndinibhalele ngamazwi ambalwa, ndinikhuthaza, yaye ndiniqinisekisa ukuba obu bububele bukaThixo* ngokwenene. Bambelelani nkqi kubo. 13  Uyanibulisa lowo useBhabhiloni, okhethiweyo njengani; uyabulisa noMarko+ unyana wam. 14  Bulisanani ngokuphuzana* kuba nithandana. Kwanga ninganoxolo nonke nina nimanyene noKristu.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kubadala.”
Okanye “nambathe ukuthobeka kwengqondo.”
Okanye “ububele obungabafanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okwabizwa ngokuba nguSilas.
Okanye “ububele bukaThixo obungasifanelanga.”
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.