Eyokuqala KuTimoti 1:1-20

  • Imibuliso (1, 2)

  • Kulumkiswa ngabafundisi bobuxoki (3-11)

  • UPawulos wenzelwa ububele yiNkosi (12-16)

  • UKumkani kanaphakade (17)

  • ‘Yilwa imfazwe yobulungisa’ (18-20)

1  Mna Pawulos, ongumpostile kaKristu Yesu ngokomyalelo kaThixo uMsindisi wethu noKristu Yesu, olithemba lethu,+  ndibhalela uTimoti,*+ unyana wam wenene+ endikholwa naye: Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi yethu uYesu Kristu, bangakwenzela ububele,* bakwenzele inceba, bakunike noxolo.  Njengokuba ndakucela uku­ba uhlale e-Efese xa ndandiza kuya eMakedoni, nangoku ndisakucela ukuba uhlale, ukuze uyalele abanye apho ukuba bayeke ukuza nemfundiso eyahlukileyo,  bangamameli amabali obuxoki+ nokuphanda ngeminombo yokuzalwa. Ezi zinto azincedi nganto+ ibe zivusa nje iingxoxo ezingayi ndawo, nezingenanto yakwenza neemfundiso zikaThixo ezomeleza ukholo.  Esona sizathu sokuba ndikhuphe lo myalelo sesokuba kufuneka sithandane+ ngentliziyo emsulwa, ngesazela esilungileyo, sinokholo+ olungenaluhanahaniso.*  Abanye abantu khange bazihoye ezi zinto, baza baphela sebethetha izinto ezingancedi nganto.+  Bafuna ukuba ngabafundisi+ bomthetho, kodwa abaziqondi izinto abathetha ngazo okanye iimfundiso abazinyanzelisa ebantwini.  Kodwa thina siyazi ukuba umthetho ulungile xa usetyenziswa ngendlela efanelekileyo,  siyazi ukuba awenzelwanga abantu abangamalungisa, kodwa wenzelwe abantu abangenamthetho+ nabangathobeliyo, abenza izinto ezingafunwayo nguThixo nabangaboni, abangathembekanga nabadelela izinto ezingcwele, ababulala ootata noomama babo, nabo babulala abanye abantu, 10  abantu abaziphethe kakubi ngesondo,* amadoda alalanayo, abaqweqwedisi, amaxoki, abantu abafunga bexoka, nayo yonke enye into engavumelaniyo nemfundiso ephilileyo*+ 11  engeendaba ezilungileyo nezizukileyo zoThixo owonwabileyo, endizithunyiweyo.+ 12  Ndiyambulela uKristu Yesu iNkosi yethu, owandipha amandla, kuba wandithemba waza wandinika umsebenzi ongcwele,+ 13  nangona ndandikade ndidelela uThixo, nditshutshisa abantu bakhe.+ Kodwa ke ndaye ndenzelwa inceba, kuba ndandisenza izinto ngokungazi, ibe ndingenalukholo. 14  Kodwa iNkosi yethu yandenzela ububele obungathethekiyo,* ndafumana ukholo nothando kuKristu Yesu. 15  UKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.+ Le nto ndiyithethayo ithembekile, ibe abantu bamele bayamkele ngokupheleleyo. Mna ke ndingoyena moni ubodlula bonke.+ 16  Kodwa ke, ndenzelwa inceba ukuze ndibe ngumzekelo wendlela uKristu Yesu anomonde ngayo, baze babone kum abo baza kukholwa kuye ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.+ 17  UKumkani kanaphakade,+ ongenakonakala,+ nongabonakaliyo,+ nonguThixo yedwa,+ makanikwe imbeko aze ­azukiswe ngonaphakade kanaphakade. Amen. 18  Timoti nyana wam, ndikunika lo myalelo ngokwamazwi awayethethwe ngabaprofeti ngawe, la mazwi aza kukunceda uqhubeke usilwa imfazwe yobulungisa,+ 19  ubambelele elukholweni uze ube nesazela esihle+ abaye basilahla abanye, baza baphukelwa yinqanawa yokholo. 20  Abanye babo bantu nguHimenayo+ noAleksandire, ibe ndibanikele kuSathana,+ ukuze baqeqeshwe bayeke ukudelela uThixo.

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Lowo Uhlonipha UThixo.”
Okanye “ububele obungakufanelanga.”
Okuthetha ukuthi, umntu ozenza ngathi ulilungisa engelilo.
Okanye “eluncedo.”
Okanye “ububele obungathethekiyo nobungandifanelanga.”