Isaya 65:1-25

  • UYehova ugweba abantu abakhonza izithixo (1-16)

    • Uthixo weThamsanqa noweSihlo (11)

    • “Abakhonzi bam baza kutya” (13)

  • Amazulu amatsha nomhlaba omtsha (17-25)

    • Ukwakhiwa kwezindlu; ukutyalwa kwamasimi eediliya (21)

    • Akukho mntu uza kubulalekela ilize (23)

65  “Ndizivumele ukuba ndifunwe ngabo bebengabuzi ngam;Ndizivumele ukuba ndifunyanwe ngabo bebengandikhangeli.+ Ndathi kuhlanga olwalungabizi egameni lam, ‘Ndim lo, ndim lo!’+   Imini yonke, izandla zam ndizolulele abantu abaneenkani,+Phezu kwabantu abahamba ngendlela engalunganga,+Abalandela iingcinga zabo;+   Abantu abadelelayo, beqhubeka bendicaphukisa,+Bebingelela emiyezweni,+ beqhumisa imibingelelo phezu kwezitena.   Bahlala emangcwabeni,+Bachitha ubusuku kwiindawo ezisitheleyo,*Besitya inyama yehagu,+Izitya zabo zinomhluzi wezinto ezimdaka.*+   Bathi, ‘Mela pha kude. Sukusondela kum,Kuba ndingcwele kunawe.’* Aba bantu bangumsi emathatheni am, umlilo ovutha imini yonke.   Jonga! Zibhaliwe ezi zinto phambi kwam;Andizukusonga nje izandla,Kodwa ndiza kubohlwaya,+Ndiza kubohlwaya ngokupheleleyo   Ngenxa yeziphoso zabo nangenxa yeziphoso zookhokho babo,”+ utsho uYehova. “Kuba baye baqhumisa imibingelelo ezintabeni,Baye bandidelela kwiinduli,+Into yokuqala endiza kuyenza, kukubahlawulisa umvuzo wabo ngokupheleleyo.”   Uthi uYehova: “Kanye njengokuba iwayini entsha ifunyanwa kwisihlahla seediliyaKube kukho umntu othi, ‘Sukusonakalisa kuba kukho into entle* kuso,’ Nam ndiza kwenza ngaloo ndlela ngabakhonzi bam;Andizukubatshabalalisa bonke.+   Ndiza kuvelisa inzala* kuYakobi,NakuYuda, umntu eziza kuba lilifa lakhe iintaba zam;+Umhlaba oneentaba uza kuba lilifa labantu bam abanyuliweyo,Nabakhonzi bam baza kuhlala kuwo.+ 10  ISharon+ iza kuba lidlelo leegushaNeNtlambo YaseAkore*+ ibe yindawo yokuphumla iinkomoUkwenzela abantu bam abaza kube bendifuna. 11  Kodwa nina niphakathi kwabantu abamshiyayo uYehova+Abantu abayilibalayo intaba yam engcwele,+Abo badekela uthixo weThamsanqa itafileNabo bagcwalisa indebe ngewayini exutyiweyo, beyenzela uthixo weSihlo. 12  Ngenxa yaloo nto ndiza kuninikela kwikrele,+Yaye nonke niza kuguqa ukuze nixhelwe,+Kuba ndakhwaza kodwa nina zange niphendule;Ndathetha, kodwa nina zange nindimamele;+Naqhubeka nisenza izinto ezimbi emehlweni am,Nakhetha izinto endingazithandiyo.”+ 13  Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Jongani! Abakhonzi bam baza kutya, kodwa nina niza kulamba.+ Jongani! Abakhonzi bam baza kusela,+ kodwa nina niza kunxanwa. Jongani! Abakhonzi bam baza kuvuya,+ kodwa nina niza kuhlazeka.+ 14  Jongani! Abakhonzi bam baza kukhwaza bevuya ngenxa yokonwaba entliziyweni,Kodwa nina niza kukhala ngenxa yentliziyo ebuhlunguYaye niza kutsho ngesikhalo ngenxa yokutyumka emoyeni. 15  Into eza kushiyeka ligama lenu eliza kusetyenziswa ngabakhethiweyo bam xa beqalekisa,Yaye iNkosi enguMongami uYehova iza kunibulala nonke,Kodwa abakhonzi bakhe uza kubabiza ngelinye igama;+ 16  Ukuze nabani na ofuna ukusikelelwa emhlabeniAsikelelwe nguThixo othembekileyo,*Nabani na owenza isifungo emhlabeniAfunge ngoThixo othembekileyo.*+ Kuba iintlungu* zangaphambili ziza kulityalwa;Ziza kufihlwa emehlweni am.+ 17  Kuba jongani! Ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha;+Kwaye izinto zangaphambili azizukukhunjulwa,Zingazukuphinda zithi qatha entliziyweni.+ 18  Ngoko ke yonwabani nize niyivuyele ngonaphakade le nto ndiyidalayo. Kuba jongani! ndidala iYerusalem ukuba ibavuyiseYaye ibenze bonwabe abantu bayo.+ 19  Ndiza kuvuya ngeYerusalem, ndonwabe ngabantu bam;+Soze kuphinde kuvakale sijwili nasikhalo silusizi apho.”+ 20  “Apho, soze kuphide kubekho sana luza kufa luneentsuku nje ezimbalwa luzelwe,Kungasoze kubekho nandoda ifa ingayiphilanga yonke imihla yayo. Umntu ofa eneminyaka elikhulu, uza kube esabonwa njengenkwenkwana,Aze umoni aqalekiswe nangona eneminyaka elikhulu.* 21  Baza kwakha izindlu, bahlale kuzo,+Batyale amasimi eediliya, batye iziqhamo zawo.+ 22  Abazukwakha kuhlale abanye,Bengazukutyala izinto eziza kutyiwa ngabanye. Kuba imihla yabantu bam iza kuba njengeyomthi,+Abantu bam abakhethiweyo baxhamle ngokupheleleyo kwimisebenzi abayenze ngezandla zabo. 23  Abazukubulalekela into engekhoyo,*+Bengazukuzala abantwana abaza kwehlelwa yintlekele,Kuba bayinzala yabantu abasikelelweyo nguYehova,+Bona nenzala yabo.+ 24  Baza kuthi bengekandibizi, ndibaphendule;Bathi besathetha, ndibe sendivile. 25  Ingcuka iza kutya netakane legusha,Ingonyama iza kutya iindiza njengenkunzi yenkomo;+Ukutya kwenyoka kuza kuba luthuli. Azizukwenzakalisa zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele,”+ utsho uYehova.

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “ezilikhusi.”
Okanye “ezingcolileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Ukuba ngcwele kwam ndiza kukudlulisela kuwe.”
Ngokoqobo, “intsikelelo.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Okanye “Nethafa LaseAkore.”
Okanye “wenyaniso.” Ngokoqobo, “Amen.”
Okanye “wenyaniso.” Ngokoqobo, “Amen.”
Okanye “iingxaki.”
Okanye kusenokwenzeka, “Ukungayigqibi iminyaka elikhulu kuza kubonwa njengesiqalekiso.”
Okanye “Ukusebenza kwabo nzima akuzukuba lilize.”